Limiselwe unyaka uzayo ulwabhice lwaseLusikisiki.

1 Min Read
Uzakuba ewaphanye kanje amaphepha akhe kunyaka ozayo ummngalelwa wokuqala kwimbubhiso yaseLusikisiki uMzukisi Ndamase.

Lisathe ukunqumama ityala lendyikitya yokubulawa kwabantu kumzi wakwaSinqina eNgbozana eLusikisiki ngomhla we28 kuSeptember 2024. Eli tyala emva kokuqhuba iinyanga ezingaphaya kwesithathu kwinkundla ephakamileyo ehleli eLusikisiki, limisiwe ze lithathise kwakhona ukusukela ngomhla we19 kuJanuary de kotsho kwi6 kaFebruary 2026. 

Zininzi ke iziqebheyi ezenzekileyo kweli tyala nekulapho sibone umngalelwa wokuqala uMzukisi Ndamase, nekuthiwa nguye ungqondongqondo ekubulaweni kwaba bantu kumzi wakwaSinqina belungisela ukuya emcimbini ngosuku olulandelayo, ezigqwethela ngokwakhe yaye uyihlabe mpela imibuzo kwijoni lakhe elungu Lwando Abi, nesele lijike lalilingqina lombuso. Kubungqina bakhe uAbi ukuqinisekisile ukuba nguMzukisi owaphemba ukubulawa kwabantu abalishumi nesibhozo, kwakunye noCeba wakwaBhaca uSncane Gijana.

Yonke le nto ibibangelwa yimizila yokuthengisa iziyobisi, ukufa kukanina uMzukisi, kwakunye nokudutyulwa komtshana wakhe owayemqhubela iziyobisi nokulahleka kweziyobisi ezingapha kwesigidi samarand ezazigciniswe kwiconatiner yokutya elalisetyenziswa yintombi engasekhoyo nayo yakwaSinqina. Yiwishiwishi nje kweli tyala nekulapho umngalelwa lo wokuqala esoloko ebonakala ephethe imibhumbutho yamaphepha kuba ikwanguye igqwetha lakhe nekuyinto eyimbali kumthetho weli.  

Share This Article