Lizichukumisile izinto ezingabonwayo igqirha ebeliyozama eS’gidini.

2 Min Read
Ezinye zezinto ezifumane umlilo kulomzi.Stock Image

Ziqale apho beziyeke khona ukuhlupha usapho lakwaNtuli kwaMkhathi eSigidibi Esiphakathi kwidolophu yaseMt Ayliff, izinto ezithetha zingabonwa. Oku kulandela ukuza ngaphambili kwegqirha elafowuna emva kokubona inqaku kweliphephandaba, lathi lifuna ukuzifaka uphumaphele emva kokubhetsha kwazo zisithi aziyindawo kwelikhaya kuba sekulikhaya lazo.

Ngenene lafika lasebenza zathethe ezizinto kuMampinga umama wekhaya, zisithi zicela uxolo ziyahamba ngo 6 ngenjikalnga. Ngenene kuke kwathuleka ixeshana, ze igqirha lanikwa imvula-sikhwama eyiR1000 lahamba ngelithi lizakuphinde libuye lisitsho kananjalo ukuba akuzuba lula ukuzikhupha. Kodwa kungentsuku zatywala zibuye ngamandla zisitsho ukuba ziphume nje apho eyadini zahlala ngaphaya kwegadi, ngoku zibuyile kwakhona.


Intombi yelikhaya uNhanhazile Mkhathi, enomntwana ezimhlupha kakhulu ezizinto kunyanzeleke abuye eThekwini esabela kwimeko athi ayintlanga kwaphela kweli ityeli. Uthi kwakona xa zike zaphazanyiswa ligqirha okanye umthandazo zibuya ngamandla. Uthi kufuphi nje emveni kokuba lixwaye iitasana zalo igqirha, zaqala phantsi zenza into ebesele ziyiyekile yokutshisa iimpahla zagqithela nakwasisi wakhe apho wacelela umntwana wakhe.

Kowabo zitshise amakhethini neempahla eziliqela. Kwasisi wakhe zifike zaqokelela iinkuni, namaphepha zabasa, zatshisa iibhedi ngaphantsi ekasisi wakhe nekamamazala, zeba iimpahla zalo mntwana xa kufuneke eye esikolweni, zizibuyise xa sele ebuyile. Zixutha nokutya xa esitya zimke nako, nee-drink ezithengiweyo ziyaziba zizibuyise eva kwentsuku.


Eli phephandba lizamile ukufumana igqirha eli, nelizibize ngoKhwetshube eMatattile. Lithe belizimisele ukulwa nelishwangusha kwelikhaya, kodwa lagqitywa amandla ngusisi waphaya lo ezizinto zifudukele kwakhe kwase kwangathi ngoku nguye ozithumele kwakhe. “Usisi waphaya wandithethela into endingayiva kakuhle nendenze ndagqiba ekubeni ndibuye umva.

Ndabaxelela kakuhle ukuba le nto ifuna singayingxameli kuba yonke le nto izakuthatha ixesha. Indikhuphile endleleni into ethethwe ngula sisi kuba bendingafuni nankomo ndingekaliphumeleli idabi, nemali abayikhuphile ibilulugxa ndizakuqhubeka phezu kwayo kude kucace icala,” uthethe watsho. Ukuqinisekisile ukuba akasazukwazi ukuphinda kula mzi.

Share This Article