Indoda ibigqugqisa ngezulu lezandla kwabo ithe yangaboni ngasonye nabo phaya kwidolophu yakwaBhaca, ibanjwe sele ibalekele eTembisa kwiphondo laseGauteng. Le ndoda eyaziwa ngokuba nguMakabongwe Zamikhaya Sihle Vukaphi, ibingabeki phantsi ngesibham kulowo ithe yaphazamisana naye.
Kwisiganeko sokuqala kuthiwa le ndoda yagraya ngembumbulu uSiyamcela Songqishe ngomnyaka ka2024, nalapho yayinyanzelisa isinqandamathe sikaSongqishe ukuba kube ngesayo esithatha ngenkani, wangenelela umfi yarhuthula ummpu ongenamaphephamvume yambhodloza ngawo lahlanza iselwa ngoko nangoko. Emveni koko yaphela emehlweni yayotshona eRhawutini. Kodwa, esi sijemjem kuvakala ukuba saphinda sabuyela apho kwaBhaca. Nekuvakala ukuba saphinda sadubula sabulala uMnu Phadima Faye, ngelixa wayezama ukumnqanda exabana nomnye. Nasemveni koko uphinde wababeleka abasicatyana ukuphindela eGoli. Kweli ityeli udibene neembila zithutha yaye zikhokhelwe ngemhlophe, ezidalawana zivile ukuba ulapho eGoli, kwathunyelwa uSifiso Nodada noSiyabonga Msindwana ekungabacuphi, nababuya naye ephila. Sithetha nje unkolonkoloza kwezimnyama izisele ezakujamelana nezono zakhe emveni koko.
Kusenjalo emveni kokuba inqakulwe le ndoda kuvele ooKhetshe (Hawks), nabo besithi kudala beyiphica le ndedeba ngetyala lokubulawa kwepolisa lasetyhini uSergeant Nomlindelo Faye, phaya kwindawo yaseBadibanise kwaphaya kwaBhaca. UNomlindelo wadutyulwa wabulawa ngomhla we12 kuJune 2020, esendleleni eya emsebenzini, ze kohluthwa nommpu womsebenzi nowafunyanwa kuye umtyholwa. Uvelile kwiveki ezimbini ezigqithileyo, ze ityala lakhe lamiselwa unamhlanje umhla we18 kuJuly 2025.
