‘Oonontway’bonwa’ bathi abamshiyi umakhulu nomzukulu xa behamba.

2 Min Read
Le ntombi nguNhanhazile Mkhathi osenethemba lokuba ngenye imini bayakukhululeka emakhamandeleni kwizinto ezithetha zingabonwa mntu ezimise eli khaya mantsantsa.

Izinto ezithetha zingabonwa kwilali yaseSigidini Esiphakathi kwidolophu yaseMaXesibeni, zivakele zithetha zisithithi ewe zizohamba kweli ityeli, kodwa azizuhamba zodwa, koko umakhulu weli khaya uMampinga kwakunye nomzukulwana wakhe ebezisoloko zimhlupha zithi azibashiyi ngasemva. 

Kodwa umagrazula wegqirha ebezokunceda kutsha nje, uthe ixesha labo liphelile, nanjengoko ngaphambili babebetha ngengqindi phantsi besithi soze bayishiye ipaladesi yabo ekweli khaya empolweni yokwenene. Kwelinye lamagqirha ake abashukumisa bake bayithetha le nto yokuhamba, kodwa baphinda babuya bathi bebebalekele ezantsi kwegadi kuba babetshiswa ziintelezi. Kodwa emva kokuhamba kwegqirha babuya nalapho babetha ngenqindi phantsi besithi abasayi ndawo. Babuya sebetshisa iimpahla nayo yonke into esendlini, bebetha makholwa azokuthandaza de kube ngoku oko babekweli khaya kumane ukuquleka lo mzukulu, kwebiwe iimpahla neencwadi zakhe de angakwazi kuya esikolweni ngamanye amaxesha. Zamlandala sele ebalekiselwe eThekwini kuvela izinto ezazitsho ngeengovolo zamazinyo agxiza igazi sezivela nakwabanye abantwana umzukulu lo owayedlala nabo, kwanyanzeleka babuya nonina.  

Kudala ke eli phephandaba likuphakela ngezinto ezingabonwayo kweli khaya ebezimise mantsantsa ezaqala kulo mntwana eseminyaka elishumi nekungoku nje uneminyaka eyi14. Zalandela ngokutshisa, ziseba ukutya, nemali, zisohlutha amacephe xa kutyiwa zikwabetha zigibisela nangamatye. Oko ke imeko imbi kweli khaya bekhala nangokuphelelwa yimali kuba kudala bezama emagqirheni kodwa babuye noboya bentenetya. Bekukhona amaxesha apho amagqirha ebefika engathi ayanceda zivele ziwaxabanise namalungu osapho ligqibele igqirha lishiya lingaphinde lijonge nangasemva. 

Kodwa ngoku intombi yeli khaya uNhanhazile Mkhathi uthi unethemba lokuba zizakuhamba, nabo bake bahlale baphole nje ngeminye imizi nosapho lwakhwe. “Eli lokuba bazakuhamba nomama nomntwana sele kulelokuncamela. Sigqibele sesiyihleka xa betsho kanjalo wabe lo bhutI naye esitsho ukuba ziya ngoonina ngoku liphelile ixesha lazo,” utshilo.

Share This Article