Kuthiwa kwakusemcimbini wesiNtu kwilali yaseMadlutshana kuNgadla kwidolophu yakuGatyana ngelixa kuqhambuka uchuku olwadalwa ngumfana welali uAviwe Dambile (24). Le ndedeba yayikhalazela indlela ewawulawulwe ngayo umqombothi. Kwakungomhla we28 kuJune 2024, mzini uthile kufudunyezwa umzi kuxheliwe kwaphinda kwasilwa.
Kwathi nje ngesiqhelo kwakutshwa umqombothi ukuze kulawulwe iindwendwe nabahlali. Enza njalo ke amaxhego, kodwa uDambile wasukuma wakhaba eso sitya sotywala sasibekelwe bucala kulungiselelwa iinkonde, ekhala ngelithi buncinane obu bulawule iintsizwa ngelixa wona la maxhego ezilawule kakhulu.
Emveni kweso senzo sakhe waye wagxothwa apho emcimbini, ngomsindokazi wakhomba ngomnwe inkonde eyayina 74 yeminyaka, esithi yiyo unobangela wokulawulwa kancinane kweentsizwa, efunga emunca iintupha ukuba uzakumfumana yaye apho badibana khona kukufa neyeza kuba uzakumbulala.
Kungentsuku zatywala kwathi umfi ebizwe yintombi yakhe esebenza eKapa ukuba azokuziyolisa namalungu osapho kwakunye nabahlobo. Wendyulukudu uDambile waphinda ezo zozoyikiso owayezithethile ngaphambili. Kodwa umntu omdala wangayihoyi lo nto. Emva kokuchitheka kwembutho nebhotile yebrandy ababeyisela seyiphelile, uDambile walandela le nkonde. Kancinane nje emveni kokuba le nkonde iphumile umzukulwana wayo weva ngesikhalo icelo uncedo waphuthuma kuba kwasekurhatyele elayite ithotshi kanomyayi ngenene wambona uDambile ehlasela ebetha umfi, ze waphinda wakhupha umbese wamgwaza amanxeba aliqela. Umzukulwana wazama ukulamla, kodwa wonda ngaye uDambile nekwanyanzeleka ababeleke abasicatyana ayokuhlaba umkhosi.
Uthe esachaza umzukulwana kwabosapho ngokwenzekayo, wafika uDambile wakuqinisekisa ukuba ukwenzile oko ebekade ekuthetha bokubulala eli xhego watsho ebalathisa kwihlathana elikufutshane apho wayesithi usilahle khona isithumbu sikamadala. Ngenene umzimba womfi wafunyanwa kwelo hlathi wogqunywe ngesilamba sakhe emveni koko wabanjwa. Ngolwesithathu wale veki umhla we5 kuNovember 2025, inkundla yengingqi eWillowvale uAviwe imgwebe ubomi entolongweni ngetyala lokubulala le nkonde.
