Kuthe kanti inina elina 17 yeminyaka ebeliyokuvula ityala kwisikhululo samapolisa eQumrha kwiphondo leMpuma Koloni, urheme wepolisa belilivuzela izingcwe elo nina. Emva kokuba evule ityala ummangali lempatheko gadalala kobesakuba liqabane lakhe, labona ithuba lona ipolisa. Kuvakala ukub lathi lamlandela lisiya apho ahlala khona liqhuba isithuthi samapolisa yaye lisemsebenzini ngelo xesha, ze lamfumana kwivenkile yalapho ekuhlaleni. Lathi kuye kukhona iinkcukacha ezishiyekileyo ekufanele lizithathe kuye ngokubhekiselele kweli tyala ebelivula.
Ngenene lakhwela inina apho ‘kwivantyi’ basingisa emapoliseni bayotsho kwiofisi yabacuphi eKei Mouth ngomhla we 08 kuAgasti 2022. Kulapho eli polisa kuvakala ukuba lavele labuya nocango lamngqengqisa phezu kwetafile lamdlwengulela khona. Kodwa unontombi akakhange anikezele nje lula waligovoza ngebhotile lonzakala entloko, waphuma waqontsa eyovula ityala ekwantama neli polisa kwisikhululo samapolisa, kodwa wafika kumapolisa kunye nowayengumphathi sikhululo ngelo xesha base bamnkala intsini kwangavulwa nelo tyala, bemtyabeka ngokuba uqhunyiwe.
Eli polisa lathi labanjwa kodwa emva kweentsuku ezilishumi yi-Independent Investigative Directorate (IPID). Ngenxa yoxinzelelo, ixhoba eli like langabanonakali kwiinkundla zamatyala nto leyo yakhokelela ekubeni ityala de libe liyosulwa kumqulu wamatyala. Oko kwenza ukuba ipolisa eli lifake isimangalo somdliwo oyiR3, 5 million ngokubhekiselele kwigunyabantu lezotshutshiso ngokungcolisa igama lalo. Kodwa izinto ziye zajika kwiveki ephelileyo lo obesakuba nguSajini wamapolisa uThembalethu Gqeku (50), wanikwa i20 yeminyaka eqamelele ngengqindi emjiva, yinkundla yengingqi eQumrha ngeli tyala lokdlwengula.
