Sivakele isithonga sokuwa komthi omkhulu, kusiwa ingqanga yombhali wesiXhosa.

1 Min Read
Njingalwazi PT Mtuze ongasekhoyo emhlabeni.

Inge iyavungama intaba kaNdoda xa kuvakala iindaba zokuba akasekho emhlabeno uNjingalwazi uPeter Tshobisa Mtuze.Zinge ziyaxoxa iintaba zeMpuma Koloni eziquka intaba yeGqirha nentaba yeBhukazana ukuvakala kweendaba zokukhothama kweli gxibha lide lakwaCube.

Oku kungenxa yokuba uTshobisa ugalele zophuka zonke iintonga zakhe ebhala, efundisa, ehlohla, esasaza etolika ulwimi lesiXhosa. Ambalwa kakhulu amadoda enze umsebenzi ofana nowakhe ukubhala,ukukhusela nokukhulisa ulwimi lwesiXhosa.

Ngexesha lokudla kwakhe ubomi uMadiba usebenze nje ngomsasazi eRadio Xhosa eQongce, watolika amatyala ezinkundleni waze wangumfundisi ntsapho, uGqirha neNjingalwazi. Ubekwanguye nomfundisi wakwalizwi obesithi xa emile eqongeni axele inxanxadi intake enesidima.

Kumaziko emfundo ephakamileyo uhlohle kwanzima ekhuthaza abo banxanelwe ulwazi ingakumbi ngolwimi lesiXhosa.Xa ezakungena egumbini lokuhlohla ebebangela ingxoko enkulu ephazamisa amanye amagumbi okuhlohla.

Kaloku abafundi bebeshiya amanye amagumbi besiya kumamela uNjingalwazi uTshobisa Mtuze kuba bekungelula ukuba ungammameli.”Ukuba ufuna ukuba ngumbhali kufuneka uhlale undwebile,ukhangela ulwazi kuba uzakubhala izinto

ezihluthi lulwazi olufunwa ngabo baza kufunda incwadi yakho,”ebesitsho uNjingalwazi Mtuze kubafundi bakhe. Le njinga kulwimi lesiXhosa kulindeleke ibekwe kumadlaka oyise mkhulu ngempela veki ye19 ku July 2025. 

Share This Article