Ubanjwe ngaphakathi esitokisini obefunelwa ukubulala ‘unoteksi’.

1 Min Read
Ubanjiwe obeqala umlo ngaphakathi eluvaleweni.Stock Image

Umrhanelwa ebefunwa ngokubulawa komnini tekisi eGqeberha zimzingele ezikadalawana zaya kumbamba ngoLwesibini umhla we 22 kuApril 2025, sele ebanjiwe kakade, kwiziko loluleko iSt Albans, nekulapho ebesebanjelwe elinye ityala lokuzama ukubulala eBethelsdorp. Umnini tekisi ongu Ansley Agulhas (44) wathi wahlahlelwa ngembumbulu ngomhla we31 kuMatshi 2025, lahlanza iselwa ngoko nangoko.

Esisiganeko senzeka kufutshane nerenki esecaleni kweBrister House, eGovan Mbeki Central. Iingxelo zidiza ukuba lo mnikazi tekisi wayeme ecaleni kwetekisi yakhe ngelixa egawulwa ngelophisi ngamadoda amabini angaziwayo ayezengqume ubuso. Indoda ekuvakala ukuba yayinxibe isikipha esiluhlobo lwe-hoodie emnyama, kuthiwa yiyo eyakhupha ummpu ze yathulula uthotho lwezithonga izijolise kumfi phambi kokuba babaleke ngeenyawo belibhekise ngakwisitalato iStrand. 

Luqalile uphando olunzulu nolukhokelele ekubanjweni kwayo kanti seyingaphaya emjiva. Yona ilandela abanye ababini nabasele benkolonkoloza kwezimnyama izisele besoyanyaniswa nelityala laseCentral. Ngokothethele amapolisa uCaptain Sandra Janse Han Rensburg kulindeleke ivele phambi kwenkundla kamatyi eGqeberha ngomso lo usayo umhla we24 kuApril 2025, ijongene nezityholo zokubulala. Iyakujoyina oogxa bayo ababini esele bengaphakathi nabo.   

Share This Article