Ubenikwe ‘ushwele’ engaphandle ngengqawule onqunqe wabulala isinqandamathe

2 Min Read
UBongile Bongani Makunga Ogwetywe Ubomi Ngokucima Igama IsinqandamathePicture Supplied

Ingathi yingxaki le yokukhululwa kwamabanjwa ngengqawule, kuba zininzi iziganeko ezimanyumnyezi aphinde azenze ngaphandle akukhululwa emajele. Ukubala nje ezimbalwa, kwindyikitya yokufa yaseNgobozana eLusikisiki, likhona ‘ibhantinti’ elibandakanyekayo nebelikhululwe ngengqawule, kwityala lokudlwengulwa kubulawe imveku ngummi waseMozambique, naye ebengaphandle ngengqawule namanye amaninzi.

Kwiveki esiyisingelayo inkundla ephakamileyo ebihleli kwidolophu yaseNtabankulu igwebe uBongile Bongani Makunga (35), ubomi emjiva kwakunye neminyaka engamashumi amabini nesixhenxe ngamatyala aquka ukubulala ukohlutha isithuthi nokuqhuba imoto yomntu ngaphandle kwemvume yakhe.

Egwetywa nje uMakhunga ebengaphandle ngenqawula emva kokugwetywa iminyaka eyi15 ngo-2014 ngetyala lokubulala uPamela Maduba owayencuma naye, ngokumgwaza ngemela kwilali yaseMhlozini EmaXesibeni.

Kwelo tyala wayenguBonisile Bongo Senzela (22), njengokuba kweli senguBongile Bongani Makunga (35). Kubungqina obuthiwe thaca phambi kwenkundla kwiveki esiyishiyayo, kuvakala ukuba uMakhunga lo wathi waxabana nesinqandamathe sakhe esasingumfundi eIngwe TVET College uZihle Cebani, kwindawo ehlala abafundi eBadibanise kwalapho kwaBhaca.

Kuvakala ukuba watyhola intombi le ngokukrexeza emva kokungavumi ukuza eyibizela kuye kulapho esi si jem-jem savele sawa ebhutshini sanqunqa lo wasetyhini wazipisi sabaleka emveni koko.

Kanti asigqibanga saphinda sohlutha isithuthi somntu owayehamba nomntwana wakhe eyokulahla inkunkuma. Wabaleka naso esi sithuthi, kodwa abakwantsasana bonda ngaye nowathi wabanjwa kumgama ongekude kuyaphi efunyanwa enommpu axhomise ngawo esisibini ongenamaphepha-mvume.

Uphando ebeluqhutywa lipolisa elaziwayo neliphume izandla uD/Sgt Siyabonga Msindwana, lakhokelela ekufumanekeni kobhutshu owasetyenziswa yile ndedeba, unkone ligazi nekwathi ekuhlolweni kwalo igazi kwafumaniseka ukuba lelo likamfi. Kwaphela njalo ke ngomagama amaninzi obequtha izithandani zakhe.

Share This Article