Indoda ekudule ukuba idutyulwe namadoda amahlanu phaya kwizithuba zecala emva kwentsimbi yesihlanu (17:30), ngoMvulo 23, kuJune 2025, ngaseMthatha Airport, uBishop Zola Yolelo, yindoda ibidumile kula Mthatha, yaye ibisoloko ivela kwizigemegem ezenzekayo, kodwa inguphuncuka bemphethe, kungade kucace ukusondela kwayo kwingalo yomthetho. Aliqela amatyeli amapolisa ekhupa izimemezelo zokufunwa kwakhe yingalo yomthetho kumatyala anobuzaza kwi taxi industry, kodwa akukho nelinye oke kwacaca ukuba uyalibanjelwa de agwetywe kulo de kwafika ixesha lokufa kudubulwano neNIU, cebu kuhle ngaseRose Mission kwindlela uR61 phakathi koMthatha neNgcobo.
UBishop Zola Yolelo, ubekhona kwimbudumbudu nomlo womhlaba nokuthengiswa kwawo eMthatha West, ezinze eChris Hani kwaC eyinkosi kwicala laseChris Hani, nekulapho aphinde abe nodederhu lweeflats, namanye amashishini. Uke wangumfundi weendaba kwisikhululo sasekuhlaleni iUnitra Community Radio (UCR) FM, ngelixa ebekwayinkosi eChris Hani. Uphinde wabonakala kushishino lezothutho nalapho wafika wayinto enkulu, esekwayinkosi de kwavela iDecoligny nalapho aphinde wayinkosi khona waphinda wanodederho lwezakhiwo. Uke wabonakala kwsikhundla esiphezulu nakuSANTACO ephondweni.
Ngo2018, kumpoposho wamapolisa wavela nje ngomntu owayefunwa phantsi phezulu ngamapolisa namadoda amathathu, ngamatyala abhekiselele ekubulaweni kwabaphandi bamatyala noonotekisi kwiidolophu eziquka uMthatha, Qumbu, Tsolo Libode kwakunye naseNgqeleni. La madoda kwakuthiwa ayabonwa kwiidolophu ezifana noo-Johannesburg, Rustenburg, Cape Town nakwezinye apha ephondweni. Kwade kwavela ukuba lo kaYolelo uke wabonwa sele eliSilumane, ebetha ngemithika emhlomphe emide. Kodwa uphinde wabonakala phakathi koluntu nakwiintlanganiso zoonotekisi, ethetha nakomabonakude kungade kucace ukuba yaphelela phi into yokufunwa kwakhe.
Kwakhona, kuqhambuke into yokuhlawuliswa kwemali yokhusleko (protection fee), nalapho kuphinde kwavela igama lakhe nje ngomnye woongqondongqo, kodwa akazange ade abe uyabanjwa. Naye wavela eziphendulela ukuba akabandanyeki koku, yena umsulwa okwedyasi emhlophe kagqirha. Uphinde wabonakala kwi video xa kwakubanjwa amadoda ekwakuthiwa ngabanini zitekisi aboyikwayo eMpuma Koloni eAfrika Mall eGoli, kodwa nangoko lo nto yaphelele eboyeni okwezithukuthuku zenja. Kuke kwavakala ukuba ‘neskim’ sakhe kutsha nje bake bazinikela emapoliseni eKomani ukuba bagcinwe ngaphakathi kuba befunwa akwazeki ke ukuba ebesebuye nini kuba kwintsuku ezimbalwa ubonakele kwiindibano zentlekele yaseMthatha West de wabonakala ethetha kwezinye izikhululo zoomabonakude ngale ntlekele yaseDecoligny apho ebezibeke njenge nkosi.
Kusenjalo, amapolisa akuqinisekisile ukudutyulwa kwamadoda amathandathu kudubulwano namapolisa. Ukuza kwethu kwilitye loshicilelo amanye amadoda ebengekaziwa amagama awo ngaphandle nje kukaYolelo.
