Igqiyazana eliselula laseNgcobo eNtsimba libhenela nakuwuphi umSamariya olunguleyo ukuba alincede nanjengoko laphulukana nomnye umlenze ngonyaka ka2016. UZiyanda Gulubela wazalwa enomlenze omkhulu kunomnye nabathi ogqirha xa bewubiza yi-elephant leg. Uthi kwakunzima ukunxiba izihlangu nowagqibela senxiba iiflops kuphela. Ngenxa yokukhula kwalo mlenze ngonyaka ka2016, kwanyanzeleka ukuba usikwe wabe ke uyaphulukana nawo.
Ngoku uthi ukuhamba kunzima uhamba kabuhlungu ucela kuye nabani ongamnceda nokuba kufakelwa into efana nomlenze ezakumncedisa ekunyatheleni akwazi ukuhamba njengesiqhelo. “Iye ibebuhlungu into yokuqala ukwazi ukuzihambela ngemilenze yakho yomibini, jikijiki sowunomlenze omnye,” utshilo. Uthi imchaphezele kakhulu le meko de yakhokelela ekubeni ake athi xhaa ngesikolo. Kodwa uthi usazimisele ukuqhubeka nemfundo yakhe, nekulapho eyeke esikolweni esenza ugrade 11.
