Uchazwe njengengilosi ekufunyenwe umzimba wakhe neecondom ecaleni kwawo.

2 Min Read
Ongasekhoyo uHlonokazi Vuziwe ofunyenwe eswelekile ngelixa ebesuka ekhaya ephathelele emsebenzini.

Ufaniswe njengomzimba kaHlobokazi Vuziwe (28), waseMbadango eFlagstaff, umzimba othe wafunyanwa ngeCawa umhla we02 kuNovember 2025, kwindawo yamangcwaba eNew Town (Katilumla) eLusikisiki. Lo mzimba ufunyenwe ecaleni kwawo kukhona inqwaba yezikhuseli zesondo (condoms), yaye zisebenze zonke. Kukwavakala nokuba kubonakele iimpawu zokukrwitshwa entanyeni kukwabonakala ukuba udlwengulwe ephindelelelwa. 

Uchazwe njengomntu ebehambela kude negroove, ingilosi yoqobo, nokuba sekukhona ‘umjadu’ ebumelwaneni ngumntu ubevele azivalele endlini ezithandela inkonzo kuba ebelilungu eliphambili leUnited Methodist Church. Kuyakholeleka ukuba lo mama wabantwana ababini inkwenkwe (13) kwakunye nentombi (9), ukhwele kwitaxi ewrong kuba ngosuku lokusuka kowabo kwakungoMgqibelo phaya kwizithuba zentsmbi yesibini, yaye yinto engaphantsi kwemizuzu engamashumi amabini ukusuka ePlangeni usiya eLusikisiki. 

Ongusisi kamfi uPhathiswa Ntsada ukuqinisekisekisile ukuba umzimba ofunyenwe eNew Town ngulowo kaHlobokazi yaye sebewuthathile kumkhenkce karhulumente bawubeka apho ufanele ubekhona. Uthi ngolu suku lweshwangusha uHlobokazi wayebesuka kowabo esingisa apho ebesebenza khona eKitchen kwilali yaseMagwambu eLusikisiki. Uthe usuke ekhaya ze wakhwela itaxi estophini ePlangeni nekuyi 20 minutes ukusuka khona ukusingisa eLusikisiki. Ngelixa esuka ekhaya esiya ePlangeni kwindawo yase Esephezi wayehamba nomnakwabo apho esithuthini ebesisuka elalini. “Ekufikeni kwabo ePlangeni bafika sele kukhona itaxi eya eLusikisiki imisile, yena waze wangena kuyo ngelixa umnakwabo eqhubeke nale bebesiza ngayo elibhekise eFlagstaff.

Ungumntu ochazayo xa ehamba, kodwa ngolu suku akakhange achaze, lwaqala lwanxakama usapho lwazama ukumfumana, wangafumaneki kunomyayi wakhe kwazanywa inombolo yala mzi ebesiya kuwo, kodwa kwathiwa akakhange afike, nabo bebecinga ukuba uyekile uphangela. “Kulapho ke siqale uphumela phandle sifuna de safumana ukuba kukhona inina elicholwe liswelekile nalapho silikhaya senjenjeya ukuya kwaforensic eLusikisiki. Eneneni ootatomncinci bafike inguye esanxibe la mpahla wayehambe eyinxibile,” uthethe watsho lo kaNtsada.

Esweleka nje uHlobokazi ebelungiselela iimviwo zakhe nanjengoko ebesenza unyaka wesithathu kwiUniversity of South Africa (UNISA), nalapho ebesenza i-Office Administration.   “Isilimazile le kwaye ndiyaqiniseka umntasekhaya ukhwele kwitaxi ewrong bamthatha bamenza le nto bamenze yona. Ebekwangumntu othuleyo eluhlobo nje lomntu olunomahluko engemdanga nalapha emakhwenkweni,” ulebele ngelitshoyo. Le ntokazi kulindleke ukuba ingcwatywe ngoMgqibelo umhla we22 kuNoovember 2025 kwilali yaseMbadango eFlagstaff. Ngelixa kwelinye icala amapolisa esaphica abenzi bobubi yaye kungekabanjwa umntu.  

Share This Article