Ukhala ezimantshiyane ngomProfeti atyhola ngokumdlela ‘ama-thousand’.

2 Min Read
Nanku uMprofeti Zukisa Yam ekukhalwa ngokuba udlele indoda yaseMqanduli amathousand ngoku ayinakwa twa ifuna uncedo izokwazi ukolusa abantwana bayo.

Indoda yakuGogozayo kwidolophu yaseMqanduli iyantywizisa emva kokuphulukana nezityhwentywe zemali eziqikelelwa ngaphaya kukaR185 000 yokugqibela ngenxa yokuthemba umProfet kwicawe ibikhonza kuyo, kanti izibetha ngenyeketyeni. UMadondile Gwazela (68), ukhomba iminwe ekwatyhola kananjalo uMprofet wodumo uZukisa Yam. Uthi lo magrazula weendaba ezilungileyo nowaziwa kwiphondo leMpuma Koloni liphela nangaphaya kwemida yeli ubekhonza kwibandla lakhe yaye kuvele ukumethemba. Uthi ekuthatheni umhlalaphantsi nanjengoko wayesebenza nje ngomphathi wabacoci kwisibhedlele iBaragwanath eGoli waphunyelwa yintywenka yemali yakhe yokugqibela wanombono wokuthenga isigadla esizakumncedisa xa sele ehleli phantsi. Njengandoda ayithembayo engumeluleki wakhe wayiphalaza le nyewe yathi yona sikhona isigadla esikhona eBhayi.

Kodwa ekufikeni kwakhe asizange simonelise kuba sasesisidala kanti yena ubefuna esitsha. Uthi kwathi kwakungenzeki okokuthengwa kwesigadla uYam wavela necebo lokuba afake ‘kuphush-phush’ imali enguR150 000, yona izakumzalela uR30 000 qho ngenyanga into yesigadla uzakuphinde ayibone, yaye kungalula kuba uzakuba esamkela le R30 000 ngenyanga asindise nale azama ukuyikhulisa. Ukwadize ukuba enye imali eyiR40 000 wathi makamnike ezohamba ngayo aye kumlungiselela eNigeria, ze emveni koko izale amathokazi azibone sele esesingawothiyo isinhanha. Uthi zaqenqeleka iinyanga noonyaka akukho mali izala mathokazi nalo R30 000 wawungaveli ndawo, qumbu nalo R150 000. Ukwadize nokuba ezinye izimali ezingo R10 000 ebemnika zizinkozo ngelixa ezinye ebezithumela nge bhanki yaye ulibonisile eli phephanda iinkcukacha zasebhankini ezibonisa oko kuquka nesi samba sika R150 000.

Uthi ngoku umProfet akasabonakali nangotshengele, umblockile emva kokungabambi nomyayi wakhe. Uhambise wathi ubeke wamana ukumchintsa ngooR10 000 amatyeli ambalwa, kodwa emveni koko wanyamalala eCalvery, de kube ngoku. 

“Andinayo ne2 ‘bob’ ngoku, ndifuna ukolusa abantwana ngalo December, lo mfo uyandibaleka ndiva sekuthiwa uhlala eSandton. Indilimazile le nto ndicela naluphi na uncedo ukuze ndifumane imali yam,” utshilo lo tata wabantwana abane kwakunye nomfazi.  Amatyeli aliqela eli phephandaba okuzama ukufumana umprofeti Yam awe phantsi nanjengoko unomyayi wakhe ubukhala ungabanjwa de kwafika ixesha lokushicilela. 

Share This Article