Yinkonde eneminyaka engamashumi asibhozo (80), yelali iMpindweni eLibode kwiphondo leMpuma Koloni, ethe yabanjwa ze yadidinjelwa kwezimnyama zona izisele emva kokufumaneka nemazi yehashe emhlophe eyebiweyo kwakunye nenkonyane layo. Eli hashe nekonyana lalo kuvakala ukuba zebiwa kwilali yaseNtlangaza eMqanduli ngoMatshi walo nyaka.
Ngokomlomo wothethela amapolisa kwingingqi iOR Tambo uCaptain Welile Matyolo, uphando olunzulu oluthe lwenziwa ngabakwantsasana lukhokelele ekubanjweni kwale nkonde nomnini hashe xa ebizwa ukuzofanisa waqinisekisa ukuba lelakhe kwakunye nenkonayana elo lalo mazi yehashe.
Ixabiso liqikelelwa phaya kuR20 000 elale mazi kwakunye nenkonyana yalo. Umtyholwa kulindeleke avele kwinkundla kaMantyi eMqanduli kungentsuku zatywala ejamalene nesityholo sokufumaneka nemfuyo eyebiweyo.
