Ukudutyulwa ngokungenalusini ngomhla we19 kuNovemba 2025, kwenqununu yaseLusikisiki, uMnu Sibusiso “Mtiro” Goqwana kushiye umzi uphela wekomkhulu lamaMpondo uthe khunubembe nanjengoko ebeyindoda eyaziwa ngomsa nesifundiswa esiphume izandla. Esi siganeko sogebengo sithe senzeka kwindawo yaseSiphaqeni eFlagstaff, phaya kwizithuba zentsimbi yesine malanga ekhayeni lakhe. UMtiro nanjengoko ebesaziwa njalo uthe wangcwatywa kwimpela veki esiyi singelayo, kodwa kafutshane nje emva komngcwabo nako kubanjwa inkosikazi yakhe neenkabi ezimbini besoyanyaniswa nokufa kwakhe.
Amapolisa ngokomlomo wesithethi sawo kwisithili seOR Tambo uCaptain Welile Matyolo, akuqinisekisile ukubanjwa kwabantu abathathu besoyanyaniswa nesi siganeko sokubulawa kwale nqununu. Uthe enye yeenkabi ibanjwe kwilali yaseeLuqoqweni eLusikisiki ngoLwesibini umhla we09 kuDisemba 2025 iphethe ummpu ongenamaphepha-mvume oluhlobo lwe Silver Norincho 9mm pistol onenombolo mbhalo ezicinyiweyo kwakunye neembumbulu eziyi14. Akagqibelanga apho amapolisa aqhubekile alibhekisa eFlagstaff nekulapho afike abamba indoda ena 56 yeminyaka nekutyholwa ukuba yiyo ibingu Middleman kweli yelenqe kwakunye nonkosikazi kamfi.
