Iindlela zonke zizakuba zijonge kuNgolo eMasimini cebu kuhle nedolophu yaseMthatha ngomhla we 30 August 2025, nanjengoko umlonjikazi oyinzalelwane yala dolophu uBusisiwe Piyose, nowaziwa ngoNosabe kumaqonga ezomculo ezakuba ephehlelela icwecwe lakhe lesithathu. Lo mnyhadala uququzelwa yiKwakhanya Events, kuzakuba kutshotsha entla oomakhwekhwetha abaquka iKumkanikazi yomculo wokholo kweli phondo uLusanda Mcinga nezinye iimvumi, kanti nabafuna ukugigitheka uzakuba ekhona unakaSgigxigxi esonwabisa.
Wena ubungamazi uNosabe, yintombazana entle ecula umculo wesiNtu. Yazalelwa ze yakhulela kwilali yaseMpikwana kwindawo yaseTyelebana eMthatha. Uqale ukucula ngonyaka ka2021, ze ngonyaka ka2022, wakhupha icwecwe lakhe lokuqala elalisithi ‘Ndisebenza kanzima’ ze lalandelwa lelika 2024 elalisithi ‘Umz’obiweyo’ kwakunye neE.P ezimbini. Kweli ityeli uzakuphehlelela elesithathu icwecwe elithi ‘Ixilongo likabhubhane’. “Abantu mabaphume ngobuninzi kuba wonke umntu wamkelekile,” uthethe watsho. Le ntokazi iyafumaneka nakumakhasi ezonxibelwano, kuFacebook ingu Nosabe SA, Tiktok ngu @nosabe54, i-email ufumaneka ku [email protected] kanti xa ufuna azogida kwitheko lakho usengamtsalela kule nombolo kanomyayi 075 171 4826.
