Kuya kucaca kubonakala futhi ukuzalana nokubandakanyeka kwabamangalelwa kwimbubhiso yaseNgobhozana eLusikisiki kwakunye nokubulawa kwenkokheli yeANC eAlfred Nzo uMncedisi ‘Sncane’ Gijana, nowadutyulwa lahlanza iselwa ngelixa efika emzini wakhe kwaBhaca sele elindwe zizijem-jem zamadoda ezazixhobe zife amacala, ezavele zamhlangabeza ngentlavu engena nie kwiheke yomzi wakhe. Ngoku inkundla ephakamileyo ehleli eLusikisiki ifumene ukuba izibham eziquka oombayimbayi (AK47) nezafumaneka komnye wabamangalelwa eFlagstaff, zizo ezabulala eLusikisiki ngokwamagobolonde awathi afunyanwa kwindawo yexhwayelo nezo zasetyenziswa ekudutyulweni kukaGijana.
La madoda ekungumMzukisi Ndamase (46), nekuthiwa nguye ungqondongqondo kula matyala yaye uzithethela ngokwakhe amatyala abekwa wona, Siphosoxolo Myekethe (45), Aphiwe ‘AP’ Ndende (25) Bongani Hintsa (31), Mawethu Nomdlembu (36) kwakunye noSongezo ‘Mashiya’ Vuma (20), bebonke ke aba bangaphakathi kuba abazange bayifune ibheyile bajamelene nothotho lwamatyala olwashiya uMzantsi nehlabathi liphela kukubulawa kwabantu abangaka belungiselela ukuya emcimbini ngosuku olulandela umhla we28 kuSeptmber 2024. Ukuthethwa kwala matyala kuzakuqhuba de kube yi19 kaSeptember kulo nyaka.
