Uphele vuthuu ke ngoku umzi  ‘booNontwayibonwa’ .

2 Min Read
Ugogo Maminga ephalaza intlungu yakhe kukuphathwa kakubi zizinto ezithetha kuye zingabonwa mntu.

Iliwa libheke umoya kusapho lakwaMkhathi eSigidini Esiphakathi kwidolophu yaseMaxesibeni kwiphondo leMpuma Koloni, kulandela ukubuya ngamandla kwezinto ezithetha zingabonwa zatshisa kwanto kwindlu ibiseyishiyekile yeRDP ebebefihle kuyo iintloko, emva kokutshiswa kwezinye kwiminyaka egqithileyo. Nezozinto zokulala nezokunxiba bezigqitywa kunikezelwa zitshe vuuthu. Kuthiwa bezingabethi ngelitye bezinomntu phantsi.  

Nokuphuma kulo ndlu ibisitsha kuthiwa isibini umakhulu uBongiwe Mampinga Mdudi-Mkhathi (78), nomntwana ona 13 yeminyaka ebelele naye bakwaze ukuphuma ngokuba batsibe ngestile nekulapho umakhulu etsalwe ngumntwana.  

Ugogo uMampinge uthi emva kokuphuma zithethile kwakhona kuye ezindlebeni zisithi bezifuna ukubatshisela endlini, yaye zizo ezintshixe emnyango kodwa zaphinda zanosizi ngaye. Yaye zikwathe zizo ezimkhuphe ngefestile nanjengoko ziye zamphakamisa ukuze akwazi umntwana ukumtsala. Uthi yena ubesencamile kuba umlilo ubugubungele yaye ungathi uphetshethwa ngumoya. Ukuqinisekisile ukuba amazwi ankenteza kuye ngamadoda oomama, abantwana kwakunye neentsana. 

UMampinge ukwadize ukuba zithi ezi zinto zafika zimbalwa kodwa inani liyenyuka kuba nomlalo uyaqhuma kuba kaloku kukhona amadoda nabafazi. NgoDecember wonyaka ophelileyo beziyi 35, kodwa ngoku zithi seziyi 55. “Le impilo ndiyiphilayo andisayi kuyifanisa nanto. Ubuthongo andisabazi yonke le minyaka ezinto zithetha ubusuku nemini ezindlebeni zam, yaye ziyangxola kuba zivuma iingoma ezinye zitsho emoyeni ezinye ezipalini zendlu, ezinye caleni kwam emva nangaphambili yinto nje enganyamezelekiyo oku ngathi uhleli nabantwana abangevayo.

Zithi zafika kusekhona umamazala uMasinama kwaye mna ndandisengumtshakazi, zindikhombisa nendawo ezathathela kuyo umyeni wam uTshende. Nabo bonke abantwana bam endithi basweleka nomyeni zithi bakhona omnye owatshayiswa sisithuthi eGoli. Zithi zizo ezamphushayo ukuze atshayiswe sisithuthi. Hayi ingase yenzeke intando yazo kona bendicela zihluphe mna kuba sekuyimpilo kum zohlukane nabantwana bam nokutshabalalisa izinto zabo abazisebenzele nzima nezinto esiziphiwa yimiSamariya elungileyo,” utshilo echiphiza iinyembezi.

Share This Article