Intombi yakuGatyana ngoku uhlala eQonce uBusisiwe Nokwe emva kweminyaka esebenza nzima, ngokuzimisela, nokuzincama, nangokuzingca uthweswe isidanga seMasters kwezoLimo oluZinzileyo.
UNokwe uthi le mpumelelo ayibobungqina bempumelelo yakhe ezifundweni kuphela, kodwa nokomelela, inkanuko, kunye neenzame zokungadinwa ezimqhubeleyo, wayefudula ecoca kwiSebe lezoLimo eBisho.
“Yayikukuzaliseka kwephupha elalikhe labonakala lingenakufikeleleka. Ndineminyaka eyi-22 ndisebenza eGcuwa naseMonti. Ngo-2000 ndasebenza njengegcisa leenwele eNonqaba hair salon eDimbaza. Ngo-2007 ndaqeshwa njengomcoci ndine-STD 9 kuphela, (Grade11). Ngenxa yeengxaki zemali andizange ndikwazi ukuqhubeka nezifundo zam, kuba isikolo sasikude, kwaye abazali bam babengakwazi ukundihlawulela irenti kunye nokutya. Ndiye ndashiyeka ndingenandlela yokufuna amanye amathuba ukuze ndizenzele ikamva elingcono nosapho lwam. Ndithe ndisacoca ndabhalisa kwiSebe lezemfundo ndaza ndafumana uGrade 12 ngo-2011”, utshilo uNokwe.
Wongeze ngelithi ngo-2013 waba phakathi kwabacoci abane bebanga leshumi abathunyelwa liSebe esikolweni ukuba baye kuqhuba izifundo zabo ngokusisigxina ngebhasari eFort Cox kwikholaji yezoLimo namaHlathi. Nalapho wenza idiploma yemveliso yezityalo, waphumelela ngo-2016.
“Ndabhalisa eTshwane University of Technology kwiB-tech kwimveliso yezityalo ndaphumelela ngo-2018. Ngo-2019 ndiye ndanyuselwa ndamiselwa njengoMcebisi wezoLimo kwiSithili sase-Amathole, kumasipala wase-Amahlathi e-Keiskammahoek. Ngo-2021, ndabhalisa kwiYunivesithi yaseFort Hare nge-Institute for Development Assistance Management (IDAM) ndenza iPost Graduate diploma (PGdip) kwiDevelopment Assistance Management, ndathweswa isidanga ngo-2022,” kutsho uNokwe.
Ngokwe ngxelo yakge le nkqubo yayixhaswa liSebe lezoLimo, uBuyekezo lweMihlaba noPhuhliso lwamaPhandle (DALRRD) likaZwelonke. Ngo-2024 waye wabhalisa kwiDyunivesithi yaseFreyistata ukwenza i-Master of Sustainable Agriculture. Ngobabalo lukaThixo, uthweswe isidanga ngomhla we-10 ka-April 2025.
“Yayingelohambo lulula, kwaye ngenceba kaThixo, ndaphumelela. Ndandisebenza iiyure ezininzi, iingxaki zemali kunye nemingeni yokubuyela emfundweni njengomfundi omdala. Ukuhlala kude kube sebusuku ukuze ndifunde ngelixa ndisenza imisebenzi yam yomsebenzi, kodwa yonke imiceli mngeni yaye yasonjululwa. Uhambo lwam lungqina ukuba nokuba kunzima kangakanani na ungakwazi ukuphumelela,” uye watsho.
“Ibali lam lempumelelo lisebenza njengesikhumbuzo sokuba akukhathaliseki nokuba uqala nini kwaye phi ungafumana ubukhulu. Ndingathanda ukwenza umbulelo ongazenzisiyo kwiSebe lezoLimo kunye neSebe leSizwe loBuyekezo lweMihlaba noPhuhliso lwamaPhandle (DALRRD) ngenkxaso yabo yobubele ekuxhaseni izifundo zam. Ngaphandle kolu ncedo luxabisekileyo, ngendingazange ndikwazi ukufezekisa iinjongo zam zemfundo. Ndinombulelo ongazenzisiyo ngeli thuba nangentembeko eniyibeke kum. Ithemba lam lelokuba esi siqinisekiso sindincede sndivulele amanye amasango ngeenjongo zokuba negalelo ekuphakanyisweni komgangatho wezolimo kwiPhondo leMpuma Koloni”, uqwele ngelitshoyo
