Usamkhumbula owaqwenga usapho kuNgqayimbana?

1 Min Read
Ugwetyiwe owabulala usapho.

Izakugugela ejele indoda yelali yakuNgqayimbana kwindawo yaseSiphaqeni eFlagstaff, kulandela ukugwetywa ubom emjiva izihlandlo ezihlanu yaphinda yabhaselwa ngeminyaka elishumi (10) yinkundla ephakamileyo ibihleli eSajonisi kutsha nje.

UMzomhle Matakhiya (24) wagwaza wabulala unina omzala nki owaneminyaka engamashumi amane (40), usisi wakhe omncinane owaneminyaka engamashumi amabini (20), nomakhulu wakhe owaneminyaka engamashumi aluthoba nambini (92), waphinda kwakhona wagwaza isingqandamathe sikanina kunye nommelwane kodwa esi sibini sasinda.

Aba bosapho kubikwa ukuba wabagwaza bonke lahlanza iselwa, kanti nangelixa wayezobanjwa ngabakwantsasana wayesaphelile kukuqhunywa. Esi siganeko sathi sehla ngomhla we23 kuJune 2025, ezakugwetywa ngoku nje.

Wafunyanwa nalo mela isaxhaphe igazi futhi esayiphethe kungathi akwenzekanga nto, namaxa ebekwa amatyala kwisikhululo samapolisa saseFlagstaff wayephendula nje kubonakala ukuba zisambambile. Kusukela ukubanjwa kwakhe akazange afumane bheyile de waba uyagwetywa.

Kwelinye icala umKomishoni wamapolisa kwisithili iOR Tambo uMajor General Norman Modisane ukuqhwabele izandla okuthe kwenziwa yinkundla kwakunye nabacuphi abathe baqhuba uphando ngalo mba. Uthe oku kubonakalise ukuzinikela nokukhusela uluntu kubaququzeli bempathekogadalala kwabasetyhini nabantwana. Uqhube wathi abo baqhubeka besenza oko abanandawo phakathi koluntu.

Share This Article