Usapho lwakwaMkhathi Esidini Esiphakathi kwidolophu yasemaXesibeni (Mt Ayliff) kwiMpuma Koloni, luthi ingathi lizakunikezela kwizinto esele zilihluphe iminyaka zithetha zingabonwa mntu, zigibisela, zisophula, zitshisa zikwabetha amalungu elikhaya. Olu sapho luthi akukho nto lungayizamanga: imithandazo, ookholelesingeni, amaxhwele, abathandazeli iicawa ngqu nezomoya, imithandazo engenayo ngeefowuni neza apho ekhayeni kunye namagqirha, kodwa babuye noboya bentenetya azihambi ezi zinto.
Nokuba zihambile okwexeshana zitshiswa yilonto ibisenziwa zihamba nje zihlale ngale kwegadi, ziphinde zibuye. Bathi iipokotho zome nko kukuhlawula amagqirha afika nje ingathi ayasebenza, yaye ukumka kwawo kubangathi ikhona into ewaphephethileyo, soze aphinde abuye nemali ibe imkile. Bathi ke zibuya ngamandla emveni kokuhamba ixeshana, futhi kuba sekubonakala ukuba zinoburhalarhume. Nakule Pasika bathi bekukhona amakholwa afike amisa intente adyusha yade yophela iPasika kwangathi kuthe cwaka, emva nje kwexeshana kwangathi ziyababuza ukuba ngamakholwa ebebewafunisa ntoni kwelo khaya nalo esezithi lelazo yaye soze zashiya iPaladise yazo ezabekwa kuyo.
UNhanhazile Mkhathi oyintombi yelikhaya enomntwana ezaqala kuye ukumhlupha eziznto de kube ngoku uthi “asikasazi esi simo ukuba sosinika bani, kuba le nto ingathi iyehlula. Bafikile abazalwana beSabatha bathandaza iintsuku ezimbini ngabo 7 emalanga ngosuku lokuqala lomthandazo wavutha umlilo. Sitya nazo sihlala nazo ezi zinto akukho nto zingayenziyo. Kona ubungozi bukhona kuba usuku nosuku kuyatshiswa, zisalandela nalo mntwana wam kuba ke akukho apho ndingamsa khona bekungcono nokuba babevele bambulala ngesendaxola kunalentlungu akuyo. Namakhadi kamama wendaba zosindiso ebesiwabophelele kuye, zifike zawanqunqa azipisi. Asisazi ke ngoku ukuba sibheke phi”, uyiphalaze watsho intlungu yakhe.
