ebebhacele kuyo kwilali yaseButhulo kwidolophu yaseSajonisi ngomhla we 18 kuMatshi 2025. UAkhona Mjulwa Dumehleli (31) unguceba kwa-ward 17, phantsi komasipala iNyandeni, kuvakala ukuba ubehleli nomhlobo wakhe kulendlu sekurhatyele, ngelixa kusehla oku.
Ingxelo iqhuba ithi kumbonzeleke izijem-jem zamadoda ezingaziwayo zixhobe zife amacala zatshisa ngelophisi zikrobise ummpu efestileni, kodwa bakwazile ukubhunca kulomqhoqhozo. UAkhona uthi emva kokuva isithonga sokuqala bavele bacima izibani ukuze bangabonakali ukuba bangaphi nabathe bakwazi ukurhubuluza baphume, babe nabamelwane sebehlabe umkhosi emva kokuvakala kwezithonga.
Ngokwemithombo ethembikileyo kuvakala ukuba loceba ebesele eyibikile impatheko-mbi nokoyikisela ubomi bakhe ngenxa yezinye zeenkokheli zalo masipala nakwi sub region ezingamfuni nalapho anyathele khona, nezade zambeka amatyala kodwa ekukhange kucace ukuba ngawantoni.
Uthe wabantama kwiphondo, nekuvakala ukuba iphondo besele liyalele lo masipala ukuba uqinisekise ngokhuseleko kulo ceba, ngokuthi liyalele lomasipala ukhuphe oonogada abazakumgada, kodwa ude waba usinda ekudutyulweni ingekenzeki lo nto. Naye uceba uyakungqina oku ekwaqinisekisa nokuba ininzi ‘iwishiwishi’ ekhona kulo masipala nekhokelele ukuba nyamambi kwezinye zeenkokheli zeANC kulo mmandla. Namapolisa ke asiqinisekisile esi siganeko, nathe livuliwe ityala kwisikhululo samapolisa kwidolophu yaseSajonisi.
Usomlomo walo masipala uMnu Fudumele Gaxeni, xa besimbuza ukuba unolwazi na ngokukhutshwa komyalelo wokuqinisa ukhuseleko ngakuAkhona uphendule wathi aaa andinalwazi, waphinda wathi unalo ulwazi.
“Kodwa ke ndingakucebisa ukuba uthethe no communication officer uKholwana. Izihlantlo eziliqela sizama ukufumana uNcebekazi Kholwane oligosa lezenxibelelwano kulo masipala iwe phantsi nanjengoko unomyayi wakhe ubukhala ungabanjwa nomyalezo ebekuthiwa masiwushiye kwi voicemail awudanga wabe uyaphendulwa kwade kwafika ixesha lokushicelala inqaku.
