Umkhombe ubhembesile kumhlolokazi waseXhora Mouth kwiphondo leMpuma Kolo, kulandela ukuvaleka kwezimali ebezamkela zokusweleka komyeni wakhe owayesebenza ezimine eRustenburg ngenxa yesazisi. UNokubonga Nkatshu (43), uthi akuphelelanga nje ekungamkeli imali yomnyeni wakhe, koko yonke into ime nxii neyenza kube nzima ukunceda abantwana bakhe ababini owashiywa nabo ngumyeni.
Ibali lithi wenda enesazisi awayesenze engekendi, ukutsho oko esesekhaya. Ze wathi wakwenda wenza esibiza ifani yasemzini wagqibela ke ngoku enezazisi ezibini. Kwathi ngo2005, waya kuyicima le ibibiza kowabo kuba ezakuqhubeka nale ayenze apha emzini. Kufutshane kwangao 2005, kwasweleka umyeni wakhe xa esiya kwenza amabango kwizimali zomyeni wakhe kwavele le wayesele eycimile iID kwaba ke kukuqala intsolo kuye oko. Uthi ubomi bumile akakwazi kwakwenza kwanto namakhadi akhe asebhanki aphelelwe nemali engenayo njengokuba aphinde abambe isingxungxu kwamasipala akakwazi ukuyifumana kuba yabhlokhwa iID yakhe. Uthi kudala eqhuqha kwisebe lezekhaya, kodwa ubuya noboya bentenetya. “Ndisokoliswa nguHome Affairs ekucimeni leID yesibini ndandiyicimile.
Eyona nto ndinengxaki nayo ngoHome Affairs kukuba uHome Affairs wango2005, ayinguye na lo ka2025, le nto oka2025 ingazukuvela into yokuba ndandiyicimile iID ngo2005, and ke ngoku ibekwa kum ingxaki yalonto nangona nje isazisi ndandicimile ndizokwenza ibango, ngoku amakhadi wam asebhankini aphelelwe kunzima ukuywenza kuba iminwe yam ‘iblockiwe’ nale ndinayo ID ‘iblockiwe’ ngoku kum kume kwanto andikwazi ukwenza neni. Ndicela uncedo nokuba lokuba kusombululeke le nyewe kuba ingxaki nguHome Affairs kuba ndayithetha yonke into de baqinisekisa ukuba icinyiwe, kodwa ngoku apha ku2025, kuvele ukuba ayicinywanga.” Ulebele ngelitshoyo lo kaNkatshu. Imizamo yokufumana isebe lezekhaya iwe phantsi de kwafika ixesha lokushicilela.
