Usizi lumi lodwa emnqamlezweni kwinkondekazi yaseLibode

2 Min Read
Umakhulu uXoliswa Mangcitshane Mngqubeni (74), nohlala kwindlu engadilika nanini kwindawo yaseNquba eLibode eMpuma Koloni.

Ubomi obuphilwa yinkondekazi yaseNquba eLibode kwa wadi 19, unkosikazi Xoliswa Mangcitshane Mngqubeni (74), akubobomi ekufanele buphilwa ngumntu, ingakumbi kwilizwe elineminyaka engapahaya kwamashumi amathathu (30) likhulelekile. Xa uyijongile imeko ingaphaya kokunyhashwa kwelungelo lakhe lokuphila kwilizwe eilikhulekileyo.

Eli xhegwazana lihlala lodwa, unyana walo ekuphela kwakhe watsha nezwe. Wamkela indodla, kodwa uthi le mali ayonelanga ukuba angazokhela enye indlu nanjengoko ijongene nokuzihambisa kooqirha, ukuthenga ukutya, kwakunye nokuhlawula oomasingcwabane.

Yiflethana yodaka edilike icala ahlala kuyo iyanetha phezulu, iqhekeke iintanda, ngoku ungaphakathi ubona yonke into eqhubeka phandle. Abahlali babambe imizimba besoyikisela ukuba ngenye imini bayakuvuka benomsebenzi wokokrumba le nkondekazi kudilike ezondonga sezibambe nje ngonkosi sikelela.

Ingadilika nanini na, kodwa akukho ukwenzanjani, ugogo lo ulala kuyo injalo. Uyavuma ukuba ngenene ingqele iyambulala ingakumbi ebusika nobumanzi buyamchaphazela, kodwa uthi uye azame ukoleka ama-‘plastic’ apho elukhukweni xa kumanzi kakhulu phantsi, kuse iingubo zimanzi amacala, avuke oneke ekuseni ngathi ngumntwana ochamileyo.

Ngaphakathi akukho ndawo yomileyo emva kwezimvula bezinkulu zike zambatha eliphondo. Nangaphezulu bobobumanzi umakhulu uyanyanzeleka alale kunjalo elukhukweni, akukho bhedi okanye isi-‘sponge; lukhuko nemihlehlwana yeengubo.

Akanambani, ubasa phantsi, imbiza inye yeyesiNtu, upheka ngayo aphinde athulule abeke enye into okanye avele adibanise yonke into kulo mbiza. Izitya zona namacephe zikhona.

Uthi ingapha kwamashumi amabini iminyaka wafaka isicelo sendlu yesibonelelo sikarhulumente, yaye noceba uthi uyayazi imeko yakhe kodwa akaboni ntshukumo. Nabamelwane bayangqina ukuba le imeko ka-“mem” nanjengoko esaziwa njalo ekuhlaleni, akuyompilo ifanele ingaphilwa ngumntu omdala, yaye usebungozi kule ndlu. Umakhulu Mngqubeni ubhenela nakuwuphi na umSamariya olunguleyo ukuba angenelele amkhuphe kobubugxwayiba.

Uceba uMonwabisi Nomandela waka wadi 19, uthi ngenene uyayazi imeko kamama nabanye abayi82. “Sendilifakile igama lakhe nabanye kwisebe lehlaliso lolontu kulapho ke impendulo ingekabuyi khona, into esele bayifumana yi-voucher yeR2000 eyayincedisa kubo bonke abantu ababechatshazelwe yintlekele,” ulebele ngelitshoyo. Kude kwafika ixesha lokushicelela singekalifumani lokuhlaliswa koluntu ephondweni. 

Share This Article