Uxinzelelo lwengqondo kubazali, kutshintshana iintsana esibhedlele.

1 Min Read
uNkosikazi Inam Ncoyini nowaphulukana nomntwana wakhe iinyanga ezintandathu zonke emva kokutshintshana kwabo esibhedlele Isilimela eSajonisi.

Unina womntwana welali yaseSwazini eSajonisi, eMpuma Koloni, uthi usasebenzisa iipilisi zoxinzelelo lwengqondo kusukela kwatshintshana usana lwakhe nolunye kwisibhedlele Isilimela ePort St Johns. U-Inam Ncoyini (23), ucithe iinyanga ezintandathu ekhulisa umntwana ebecingela ngowakhe, kodwa emveni koko kwavela ukuba akululo usana lwakhe lwangenene olo abuye nalo esibhedlele, neziphumo zohlologazi zakugqina oko. 

Lo mama oselula okwangumfundi kwiziko lemfundo ephakamileyo, wabelekela kwesi sibhedlele ngomhla we4 kuAgasti 2024, ze ngosuku olulandelayo wakhululwa esibhdlele ephuma nomntwana kanti akunguye owakhe. Ngomhla wesihlanu kuFebruary 2025, watsalelwa umnxeba kucelwa ukuba aze kwintlanganiso nekulapho wafika waxelelwa ukuba iintsana uOwo noAtha, batshintshene ngelixa bephuma oonina esibhedlele. 

Uthi kwamothusa oku kuba ebeseqala uku-‘bonder’ nalo mntwana kuthiwa akungowakhe. Uqhube wathi ziqhubile iintlanganiso de zofika esithandathwini, eyokugqibela ingomhla we18 kuMatshi 2025, eBotha Sigcau eMthatha nekulapho kwanikezelwa ngabantwana kubazali babo benene. Kusukela ngalo mini ke ukuqala ukuhlala kwakhona noyena mntwana ekungowakhe ngenene. “Yandiphazamisa kakhulu le nto sinotata womntwana kwakunye nosapho nje luphela. Babethe sizoku attend i-psychologist sessions, basisa kodwa emva kwenziwe ukunikezelwa kwabantwana ngokusesikweni zange baphinde basihoye, sitya i-treatment ye6 months ye-depression”, utshilo. 

Isibe lezempilo eMpuma Koloni, lithe alikwazi ukuthetha ngalo mba kuba usapho lakwaNcoyini lawufaka emagqwetheni.     

Share This Article