Uyatwela’ uMashiya, uSncane uthi wabulawa babo

1 Min Read
USongezo ‘Mashiya’ Vuma (21), obanjwe ekugqibeleni kubo bonke

Omnye wamadoda ajongene nendyikitya yokufa yaseNgobozana eLusikisiki, uthetha ingathi ubotshwe emnweni phaya kwinkundla yamatyala eLusikisiki. USongezo ‘Mashiya’ Vuma (21), nobanjwe ekugqibeleni kubo bonke abatyholwa ekwindlela esingise eKapa, uxelele inkundla ukuba uyawavuma onke amatyala ajongene nawo, kodwa ke ubengenzi kuba ethanda koko ebenyanzelekile enyanzeliswa ngumntu amchaze nje ngoNdamase.

UNdamase ngulo ungummangalewa wokuqala uMzukisi Ndamase nekuthiwa ungungqondongqondo ekubulaweni kwabantu baseNgobozana abalishumi nesibhozo ngomhla we28 kuSeptember 2024, nokwazigqwethela ngokwakhe ityala. UMashiya uthe ukuba wayengakwenzi okokubulala wayebuyalelwa ebengaba uzibizela ukufa. Uqhube wathi uyabazi ubuzaza bezenzo owazenzayo kodwa esithi kwakungekho kujikela mva kwendlu kuba oko bekungamkhomba engcwabeni.

Uvumile ngokubulawa kukaMncedisi Sncane Gijana esithi ngelixa babefika kwakhe kwaBhaca wayengekho kodwa bamlinda de wabuya. Ekufikeni kwakhe uthi uGijana waye wadutyulwa esandleni nasemlenzeni, emveni koko kwatsalelwa uNdamase umnxeba nowayethe phambi kokuba baqhubeke nomsebenzi ufuna ukuthetha naye uGijana phambi kokuba abulawe. UVuma uqhubekile esithi emveni kokuba bethethile wayalelwa nguNdamase ukuba aqhubeke nomsebenzi, eneneni wenza nje ngokomyalelo wamdubula wambulala. Ebesazotwela ke uMashiya qha kwase kwemka umbane enkundleni kulindeleke ukuba lithathise kwakhona ityala esaqhubeka nokunika ubugqina.   

Share This Article