Umculi wokholo noyinzalelwane yephondo leMpuma Koloni, kwidolophu yaseMthatha, uThembalethu Mack, uyavutha ngumsindo emva kokulinyazwa konyana wakhe kumabhelempe emilo ephakathi kwabafana kwindawo yaseBhaziya eMthatha ngomhla we06 kuFebhuwari 2026.
Kuvakala ukuba uPhila Mpisi (16), wathi wahlaselwa babanye oontanaga yakhe abasibhozo ngelixa eyofuna idata kwivenkile ekufutshane. Idabi phakathi kwamakhwenkwe kwilali yaseMakaula naseSgubudwini kwaphaya eBhaziya sekuntsuku liqhuba, kodwa akude kucace ukuba libangwa yintoni yaye nabantu abadala kuthiwa abanye bayalazi.
Kuvakala ukuba uPhila bathi bamonzakalisa kanobom bamshiya besithi bambulele, nesithetha nje ulele ngandletyananye esibhedlele. Le nkwenkwana ekuthiwa ihlaselwe ngemikhonto noobutshu, ithe yaphuka iingalo zombini bemshiya namanxebakazi ayingozi emzimbeni.
UMack uthi le nto yenziwe ngala makhwenkwe emntwaneni wakhe ingaphaya kobudladlunge nobundladiya, yaye ilihlabe lophukela kuye kuba kungoku nje umntwana wakhe uphoswa zizifundo ulele esibhedlele. Uthi nokuba nasemva kokuphuma esibhedlele kodwa uyakufuna ululeko lwengqondo kuba ucaphazeleke kakhulu yinto eyenzeka kuye eyokuzbona sekrobe engcwabeni.
Ubangxibhe kabukhali abazali ngokurhuqa iinyawo kodwa babe besazi ukuba kuqhubeka ntoni ebantwaneni. “Indiphethe kakube le nto yaye andizuvele ndiyiyeke ndixolele ukumila ingca emqolo kudle amahashi,” uthethe watsho. Ukuqinisekisile ukuba ityala sele elivulile kodwa akukabanjwa umntu, yaye ufuna ukuqinisekisa ukuba abantwana abenze le nto bayohlwaywa ngesenzo sabo.
