Inkundla ephamakamileyo eMakhanda igwebe u-Frans Hendricks (18), iminyaka engamashumi amabini nesihlanu (25), kwelokubulala kwakunye neminyaka engamashumi amabini nambini (22) kwelokudlwengula.
UHendricks kuthiwa eli tyala walenza eseneminyaka elishumi nesixhenxe (17) edlwengula ze aphinde abulale imveku eyintombazna eyayineminyaka nje imibini vo kwifama iUitkomst kwaNojoli.
Kuvakala ukuba imvambilini le yayindwendwele umakhulu notatomkhulu kule fama kunye nosisi wayo, nekulapho uHendricks wayehlala khona, kodwa esebenza kwifama ekude kufuphi nalapho. Inkundla ive ukuba ngenjikalanga yange 19 kuNovemba 2023, uHendricks wayekunye nabahlobo bakhe besela utywala kule ndawo kwakuhlala ooninakhulu bomntwana.
Xa sele behamba sebeshushu kakade, uHendricks wabona lo mntwana za wamfunqula wemka naye ukuya kwihlathi elikufutshane nekulapho wafika wamdlwengulela khona emveni koko wambulala. Kuvakala ukuba emva kweli nyala wathi wabuyela kubahlobo bakhe ngathi akwenzekanga nto, waqhubeka nokuncokolo nokuzitika ngotywala.
Ekuhambeni kwexesha kwaye kwabonakala ukuba hayibo umntwana akekho, kwaqalwa ukufuna ze wafumaneka apho kwelo hlathi itshoba selilele umbethe. Emva koko kwathi kwabanjwa uHerndicks. Esi sidlwengu saye savuma ngenene ukuba simthathile umntwana esoyika enjalo semka naye saba sesimdlwengula sambulala simkhanda ngesiphunzi somthi wade wasweleka kuba wayecima ubuungqina.
UHeinz Obermeyer, kubungqina bakhe ubugxininisile ubulwane obathi basetyenziswa kubulawa lo mntwana ebhenela kwinkundla ukuba imnike esona sigwebo sake saqatha.
