Indedeba nekutyholwa ukuba ngungqondongqondo kwintshabalalo yaseNgobozana eLusikisiki, uMzukisi ‘Ntandane’ Ndamase, rhoqo xa esehla kwisithuthi samagosa ezoluleko esisuka eBhongweni C-Max Prison eKokstad, wehla ephethe imiqulu yamaxwebhu (amaphepha), nanjengoko wathi yena akafuni gqwetha uzakuzimela. Kaloku uNdamase lo ngummangalelwa wokuqala kumadoda amathandathu ajamelene nezityholo zokubulawa kwabantu abalishumi nesibhozo ngomhla we28 kuSeptmber 2024, phaya kwilali yaseNgbozana.
Kudala esithi inkundla mayivume akhululwe la matyathanga awafakwe ezandleni, esinqeni nasezinyaweni kuba amenza angakwazi ukubhala ukuze athathe amanqaku abalulekileyo ngelixa kuqhutywa ityala. Umile ngelithi umsulwa yena, enika futhi nezizathu zokuba xeshikweni kusenzeka esi siganeko yena wayesetrongweni, nekulapho ebesetsale iminyaka elishumi nesixhenxe, yaye alukho usuku apho wake wakhululwa ukuze abe ufumana ithuba lokuya kokwenza olu lwaphulomthetho atyholwa ngalo. Sonke esi sithathandathu sityholwa ngale mbubhiso yaseNgobozana siwaphika onke amatyala esityatyekwa wona. Eli tyala liqale ngoMvulo umhla we28 kuJuly 2025, kwinkundla ephakamileyo ehleli eLusikisiki, yaye kulindeleke liqhube iiveki ezisibhozo de kube ngumhla ka 19 September 2025.
