Wabulala unina,  wabalekela kwintombi yakhe.

1 Min Read
Isiganeko sokugwazwa kowasetyhini ngokungenalusini ngunyana wakhe amzala nkii, ngoFebhuwari walo nyaka kwashiya uluntu lwelali iMangqilweni kwidolophu yakwaBhaca bekhexe imilomo.

Isiganeko sokugwazwa kowasetyhini ngokungenalusini ngunyana wakhe amzala nkii, ngoFebhuwari walo nyaka kwashiya uluntu lwelali iMangqilweni kwidolophu yakwaBhaca bekhexe imilomo. Kodwa oko kuphindele kwasifuba ngelixa umtyholwa uLizalise Faye (27), egwetywa ubomi entolongweni yinkundla yengingqi kwaBhaca kule veki. 

Inkundla ive ukuba uLizalise ongunyana kamfi wathi waxhaxha ngesitshetshe okanye ngemela unina kulo mzimba ungasentla emveni koko wababeleka abasicatyana ukuya kwindlu yesinqandamathe sakhe eshiya umamakhe emntshixele endlini. Ekufikeni kwakhe apho ‘kulovey’ wakhe kuvakala ukuba wavuma ukuba ngenene umbulele unina amzalayo, yaye ushiye emntshixele endlini apho ekhayeni lakhe.

Intombi yakhe yahlaba umkhosi eluntwini, uluntu lwabiza amapolisa nafika afumana lo mama edada kwidama legazi lakhe emanxebenxeba kukugwaza. Ngokophando lwamapolisa kwadula ukuba esi sibini besixabana ngomba weegusha ze unyana wanomsindo ongaphaya wagwaza umama lo de wasweleka. Wathi wabanjwa ezokugwetywa nje kule veki yinkundla yakwaBhaca.    

Share This Article