Wonke umntu usaxinene ingqondo ngendlela utitshala waseLusikisiki owathi walahleka ngayo kusukela ngomhla we18 kuSeptember 2024.
UMnu Athembele Makobokobo (56) welali yakuTshandatshe kwalapho eLusikisiki kuvakala ukuba wemka ekhaya ngesithuthi sakhe esiluhlobo lweToyota Hillux emhlophe ngebala enganasigqumatheli (canopy). Esi sithuthi kuthiwe sinenombolo mbhalo ethi BH 51 TP ZN.
Into emangalise wonke umntu kukuba efike ekhaya washiya unomyayi wakhe kwakunye nezinye izinto ezibalulekileyo kuye ezifana namakhadi asebhanki, emveni koko waphela emehlweni washiyeka ezintliziyweni de kube namhlanje. UMnu Makobokobo ebengumfundisi-ntsapho kwisikolo iRhotso Junior Secondary School kwaphaya kwiKomkhulu lamaMpondo iLusikisiki.
Abakwantsasana ke babhenele kuye nabani ongathi abenolwazi olungakhokelela ekufumanekeni okanye apho akhoyo utitshala lo atsalele intloko yabacuphi eLusikisiki uColonel Makhamba kule nombolo 082 302 5118 okanye abike kwisikhululo samapolisa akufutshane naso okanye usengaphinde atsalele inombolo yasimahla yolwaphulo-mthetho ethi 08600 10111.
