Usapho lakwaMsingwa nakwaTshazi eRietvlei eMzimkhulu lukhihla esikaNandi ngokulahlekelwa ngumalume uBandile Bonginkosi Msingwa nobephinde aziwe njengoDlamini nowabhaliswa njengomxhamli nomqondisi kwizinto zikamakhulu ongasekhoyo, ngoku izinto zime nxi zivalelekile.
UAmanda Tshazi ongumtshana kaBandile uchiphiza iinyembezi xa ebalisa ngokulahleka kukamalume wakhe owalahleka ngonyaka ka2018 kwindawo yaseLindelani eThekwini.
UAmanda uthi nje ngamntu obezibhakanxe kwiziyobisi umama wakhe wagqiba ekubeni amthumele emakhaya, kodwa yena wangahambi wakhetha ukuyokuhlala kumhlobo wakhe kwalapho eLindelani. Uthi waya kuhlala apha kodwa akuzange kuphele nenyanga wabonakala kulo mzi sele ungabonwa nalapho washiya khona imali kwakunye neempahla zakhe zonke. Uthi kulo mzi babuya neempahla zodwa yena sengabonakali nangotshengele. Inkcazelo athi bayifumana kulo mzi kukuba umhlobo lo wakhe wayethunywe evenkileni xa ebuya wafika sekukhala ibhungane engabonakali ndawo uDlamini, bakubona engabuyi apho ebehlala khona bayibika le nyewe kusapho lwakhe.
“Iyadida into kaBonginkosi kuba asazi ukuba waya kutshona phi, into ebuhlungu kukuba ugogo besimngcwabo ngono November nyakenye, ngoku ugogo kukhona izinto ebezibekile kubhalwe yena ukuze ziphume ngoku asikwazi kwenza nto kuba oyena mntu okufanele asayine nguye zize zikwazi ukuphuma,” utshilo echiphiza iinyembezi.
Udize ukuba akukho ndawo bangayihambanga apho eThekwini bekhangela balivula netyala ngawo unyaka ka2018 kodwa akukabikho mkhondo. Ongathi kanti abe uyambona uBonginkosi okanye unolwazi ngaye angatsalela uAmanda Tshazi kwinombolo kanomyayi ethi 069 2889 236.
