Akusekho konwaba kwisizwe samaMpondo aseMpuma, nanjengoko kuyingxokolo nje kusukela kwathi kwasweleka iKumkani yaso uZanozuko Sigcau ngonyaka ka2022. Okukhothama kwale Kumkani kwadala uqhekeko neyantlukwano, izindlu zikaFaku zahlukana amaqela ngamaqela, inqontsonqa ngozakungena ezihlangwini zikaZanozuko. Kungeloxesha ke kuqaqambe iyantlukwano kwakhona abazibiza nge-AmaMpondo Royal Family kunye ne-AmaFaku Royal Family.
Kuyo yonke le mbudumbudu ukhona unyana wokuqala kaZanozuko, uNkosana Yolisa Sigcau (28), kodwa usafunda nanjengoko esenza izifundo zomthetho, ze kwavela ukuba makabanjelwe ngumakhulu wakhe iKumkanikazi uNobandla, unina kaZanozuko ngelixa iqela lamaFaku Royal Family livele lisithi makubambele inkosana uDumelani Freeman Sigcau onguyisemncinci kaYolisa, kananjalo amaMpondo Royal Family likhaba ngazo zombini lisithi akukho mfuneko yokuba uYolisa abanjelwe ukhulile angasidibanisa isizwe sikaFaku okanye ayikho into ekuthiwa libambele emaMpondweni.
Kuqale apho ke ukwehlisana kusonyuswana kuqhuqhwa ezinkundleni kubandakanywa norhulumente kule nyewe yesizwe samaMpondo. De kwayilwa neKomishoni kaGqirha Nokuzola Mndende, nayo eyeza nezayo iziphakamiso. Kodwa kuyacaca zawela kwiindlebe ezibuthuntu, kuba impixano kwisizwe samaMpondo isatshotsha entlaUkanti kutsha nje iNkulubathiswa yephondo uOscar Mabuyane iyiphathe emanyeni indlu kaMarelane nebizwa ngokuba AmaMpondo Royal Family, nasuka kuyo uKumkani Zanozuko emva kokukhupha umpoposho karhulumente (government gazette), usithi uNkosana uDumelani urhulumente uyamamkela njengebambela Kumkani kwisizwe samaMpondo.
‘Lontweyo’ ivuse umnyele kwindlu kaMarelane, nayo yaphendula kulompoposho ngokwamagqwetha ayo iwukhaba, ivakalisa ukungoneliseki nangexesha othunyelwe ngawo, onganiki thuba laneleyo kumacala abandakanyekayo. Nokukhutshwa kwawo kanti le nyewe isekwiinkundla zamatyala eziphezulu elizweni. Eli qela liphikisa oku lithi ngungenzeka kanjani ukuba uDumelani abe libambela ngelixa uNkosana uYolisa wanikezwa ngokusemthethweni umnweba wengonyama owawungokayise ongasekhoyo uKumkani Zanozuko kwitheko elalibanjelwe kwiKomkhulu iNdimakude, nekulapho wathi wamkelwa lusapho njengozakungena ezihlangwini zikatata wakhe ongasekhoyo.
Babetha ngenqindi phantsi bathi unotshe bona bamkele uNkosana uDumelani njengebambela Kumkani nangaphezu kokuba inkundla yomgaqo-siseko yakhupha isigqibo sokuba uKumkani Zanozuko njengekumkani yokugqibela eyakuthi yamkelwe kwisizwe samaMpondo.Kwelinye icala izindlu zikaMarelane apho aphuma khona uKumkani Zanozuko nekuzalwa khona iiKumkani ezine uMandlonke, uJongilizwe, Thandizulu zikhwebe indibano ngalo Lwesihlanu umhla we 11 kuApril 2025, ezakuba kwiKomkhulu iHewu eNtlenzi eFlagstaff nekulapho kuzakudakancwa khona umba okhutshwe yinkulumbuso yephondo.
