Bebesuka eXhora besingise endlini yabo e-Extension 7 eKokstad sekushiyeke nje into ephaya koo15 kilometres bafike, abantu abahlanu bosapho olunye ebebehamba ngesithuthi sohlobo lweVolvo nalapho kusweleke isithathu kweso sihlanu esithe saba kwingozi kwindlela uN2 phakathi kweKokstad neMt Ayliff kwilali yaseBrooksnek ngoMvulo wale veki 24 November 2025. Kuvakala ukuba isithuthi sabo sithe sangqubana okwenkunzi zeegusha neQuantum ibisingise eFlagstaff. Nayo le Quantum kuthiwa ibithwele abantu uninzi lwabo kungabosapho olunye. Bahlanu abantu abathe basweleka kule ngozi ngelixa abanye bephuthunyiswe esibhedlele.
Olu sapho lwaseExtension 7, beluhamba ngesithuthi esiluhlobo lweVolvo emhlophe nethe yantlithana okwenkunzi zeegusha kwakunye nesithuthi esiluhlobo lweQuantum. Abantu abaswelekileyo bebonke bahlanu ababini kwiQuantum ngelixa kwisithuthi esincinane kusweleke abathathu abanye balimala ngokumasikizi nabathe baphuthunyiswa kwisibhedlele iUsher Memorial eKokstad, nedizwe imeko yabo nje ngesenyekenyeke kakhulu. Kanti kudizwe ukuba bakhona nasele begqithiselwe esibhdlele eMgungundlovu ngenxa yemeko yabo embi.
Le ngozi ilithathathe inani labantu abathe baswelaka kweli phondo kule veki ezindleleni yayolibeka kwithoba (9) nanjengoko zithe zaliqela iingozi ezithe zenzeka kwiindawo ezohlukeneyo kumatyeli ohlukeneyo ngenxa yobubi bezulu.
Umphathiswa wezothutho kweli phondo uXolile Nqatha umemelele ukuthobelana nokuqhuba ngengqiqo ezindleleni ukuze kuvalwe iindyikitya ezikumila kunje ezindleleni. Uphethe ngokugqithisa amazwi ovelwano kuzo zonke iintsapho ezithe zachaphazeleka leli shwangusha.
