Zibuyile izinto ezingabonwayo eSgidini.

2 Min Read
Indlu neentsalela ezishiyeke kutshisa izinto ezingaziwayo eSgidini eMt Ayliff.

Heyi zibuyile izinto ezingabonwayo kumzi wakwaMkhathi kwaNtuli kwiSigidi esiphakathi kwidolophu yaseMt Ayliff. Ngoku zibuye zitshisa kwanto eziyibona endlini, usapho nabantwana bashiyeke bebambelele eshamacweni. Yiminyak abantu beli khaya bemiswe mbengwana zezi zinto zingabonwayo, kodwa zivakala ngokuthetha kuphela. Zinemikhuba zinjalo nje kuba ziyabetha, zeba mali, iimpahla, ukutya nayo yonke nje into esendlini. Akukho mzamo bangawuzamanga kweli khaya, kodwa babuya noboya bentenetya, yaye bathi ngoku nemali iphelile yokuya ebantwni abangabanceda, sekungalivolontiya elingeza ngaphambili. 

Bekuke kwathuleka ukusuka ngoApril walo nyaka kuba bekukhona intente yecawa ibizinze kweli khaya iiveki, nethe yahamba kwiinyanga ezimbini ezigqithileyo. Kwathuleka nangoko, zizakubuya ngoMvulo nje sezitshisa kwanto ibisendlini kwasinda nje ebezikwenye indlu. 

UNhanhazile Mkhathi intombi yeli khaya uthi besele kuthulekile benethemba, kodwa kuyabonakala ukuba bezingekahambi. Uthi le nto yenzeke ngentseni phaya kwintsimbi yesithandathu besalele kwenye indlu, yaye bona bebengaboni nokuba kuyatsha beve ngabantu sebekhwaza. Uthi isimanga kuthe nokuba sebephuma bejonga kule ndlu kuthiwa iyatsha sekukhona nabantu bona abayiboni ukuba iyatsha ayiveli emehlweni abo kuvele nje indlu ezimeleyo. “Ndiphantse ndalima bhuti, kuba besendivula ndizongena ndime nematha yaba bantu bathi kuyatsha. Kodwa akukho mlilo bandinqanda kwamaxa kuthi dwe ndabona ukuba kuyatsha ngenene,” uthethe watsho. Akukho nto ikhutshiweyo okanye esindileyo nabakwazileyo ukuzikhupha besele zitshile. Izinto ezithe zatsha kuquka iimpahla, izihlangu, iibhedi, izikhenkcezisi nezinye izinto, ngelixa yona indlu itshe vuthuu. UNhanhazile ubhenela nakuwuphi umSamariya olungileyo ukuba aphose ilitye esivivaneni kuba bajamelene nesambane uqobo lwaso ekhayeni lakhe.   

Uceba wakwa Ward 4 ekulapho sikhona iSgidi esiphakathi, kumasipala Umzimvubu, uNkosazana Lindisa Maphala, uvakalise umothuko nokukhathazeka koku ediza ukuba kwisiganeko sokuqala waya kwakunye neziko leentlekele nekulapho banikezela khona ngeemphla nezinto zokulala. Uthe uzakuphinde ayisukumele phezulu le nyewe, ebengekayifumani.  

Share This Article