Kunxakame ilizwe lonke ngezityholo zokudlwengulwa kwemveku enesixhenxe nje voo yeminyaka ngenyanga ka October 2024, kwisikolo iBergview kwidolophu yaseMtatatiele, kodwa de kubengoku akukabanjwa mntu otyholwa ngokwenze oku uvela etshona esala nokuhlolwa kwegazi. Inkungu nelanga zabantu kuMzantsi Afrika uphela ingakumbi kwiphondo leMpuma Koloni zimatshe kuleveki zikhalimela esi senzo, bekwamemelela ukuba umthetho udlale indima yawo kubanjwe ukuze kubanjwe umenzi wokubi.
Kanti okutsale umdla kakukhulu liphekepheke ebelijuwuziswa ziintombi kwimatshi ibiseLusikisiki nebelibhalwe ngoluhlobo “OHH!! AMAGUTSHAM!” Eli gama “lamagutsha” ngesiMpondo lichaza ilungu langasese lowasetyhini, into ethetha ukuba lo mbhalo ubusizela ilungu langasese labasetyhini. Eliphekepheke belihamba lodwa kumakhasi ezonxibellwano, kucaca nje ukuba litsale umdla kwiphulo lokumemelela umthetho udlale indima yawo ngokudlwengulwa kukaCwecwe.
Le mveku kuvakala ukuba yathi yadlwengulwa lixhego lomlungu eliyinqununu kwesisikkolo yayifunda kuso. Kodwa endaeni yokuba kubanjwe lo mglungu kwasekwatyholwa umqhubi nomgcini wesikolo nabanikezela bona ngohlolo gazi labo kanti ikhehle lo mlungu lala laphetha neglalo igazi lase labhenela kwi AfriForum ukuba ulilwelwe kwezomthetho ngenene iAfriForum yabhalela kwisikhululo samapolisa ngelikhusela ilungu layo.
Ngenene larhuqa nangakumbi ityala lizovela ngoku nje lahlokomisa ilizwe lonke. Iindaba ezidizwe kutsha nje kuthiwa elixhego ekugqibeleni livumile ukuba igazi lao liye kuhlolwe nekulindeleke iziphumo sithetha nje. Nomphathiswa wama polisa uSenzo Mchunu ukuqinisekisile oku.
