Zizijwili noxinzelelo lwengqondo eMthatha.

1 Min Read
Ngulo mlambo ke oginye inkosikazi yaseMthatha ebikhala icela uncedo neshiye ndoda ithile isikhalo sisakhenteza ezindlebeni zayo.

Intlungu ibhalwe ebusweni ikhatshwa zizijwil neenyembezi ezinqumleze imibombo kwabacaphazeleke kwintlekele yemozulu embi eqale ngoMvulo wale veki, etshabalalise eSlovo Park, Chris Hani naseDecoligny eMthatha. Abanye bakhalela ukulahlekelwa zizihlobo izalamane zabo kuquka nabantwana babo, ngelixa abanye belahlekelwa ngamakhaya nayo yonke nje into yokunxiba kule ngqele iqhaqhazelisa amazinyo. Bakhona nabo bazibika ukuphazamiseka engqondweni ngenxa yemeko abayibonileyo nokusinda ngezikasibi kumlomo wokufa.   

Ukuza kwethu kushicilelo imizimba ibisele ifumankile ibileqa u100, nekulindeleke ukuba liphinde lonyuke elo nani kuba kusakhangelwa. Kuyacingeleka ukuba ikhona imizimba esadukile ekungenzeka ukuba imke namanzi okanye yogqumeleke ezindlini.

UYonela Pato, obesandula kufumana indawo ngaseBedford, uthi uyakulufuna ulungiso lwengqondo emva kombono ombi awubonileyo nokubhunca kwakhe ekufeni. Uthi ubabeleke abasicatyana sele kunzima etsalwa ngumsinga ubunamandla. Uthi eyona nto esamane idlala emehlweni ngusisi obesele eshiyeke nge’panty’ nobekhwaza ebambelele emthini ecela uncedo, kodwa kungekho mntu ukwaziyo ukuya kumnceda kuba amanzi ebesegubungele kungekho mntu angakwazi ukuya kumnceda. De wakhwaza amazwi okugqibela sekukhukhuliseka nalowo mthi naka kakade ebebambelele kuwo kwaba kukuhamba kwakhe. Uthi akazi nokuba umzimba walo sisi ukhona nana kule mizimba ifumanekileyo kuba ebengamazi.    

Share This Article