Zomeleza uluntu imbalasane zababhali kwincwadi yazo

2 Min Read
Ababhali bakwaBhaca uZukisile Zindlovu (29) kunye noUnam Khuzani (26) nabakhuphe incwadi ekhuthaza isomeleza uluntuPicture: Supplied

Ababhali ababini abaphume izandla nabaseze ngobuswe ezweni, uZukisile Zindlovu (29) kunye noUnam Khuzani (26) belali yaseMndini eChwebeni kwidolophu yakwaBhaca, sele bekwazile ukupapasha umarhacaza wencwadi yabo esihloko sithi “Nalapho Kungekho Qhude Kuyasa”.

Le ncwadi iyakhuthuza iphinde yomeleze uluntu ikwagxininisa kananjalo ukuba ngaphaya kobumnya kukhona ukukhanya, koko kufuneka umntu anganikezeli ebomini.

UZukisile, uthi injongo yokubhala le ncwadi kukwabelana ngebali okanye ulwazi kuluntu luphela, balonwabise, balukhuthaze bekwalubafundisa kananjalo ngalento ibubomi. “Kaloku asikwazi ukukhetha ukuba ubomi buphosa ntoni kuthi, kodwa abanye bethu baphenjelelwa yimiqobo kunye nenkcaso.

Naphantsi, kwayiphi imeko, ithemba nesisombululo sikhona. Sikhuthaza ukuba sizingise kwaye sifumane okulungileyo, ebunzimeni. Lilonke sishiya umyalezo othi kuluntu maluthi ndlela-ntle kwiinyembezi zengxakeko nokuzeya, njengoko luzofunda ukuthobela ukululamela kwaye lujonge kuphela ekuphumezeni iinjongo zalo.

Ukanti sikwakhuthaza uluntu ukuba kulonto umntu ayizamayo makanyamezele angalincami iphupha lakhe,” uthethe watsho. Kananjalo uthi bayayigxininisa into ethi abantu mabangabi ngamagwala babaleke ingxaki zabo, kuba vele ubomi yinto enamakhwiniba kwaye iingxaki zihlala zikhona kungekho lula futhi ukuhlukana nazo.

Lencwadi bayiqala ukuyibhala ngonyaka ka2022, nabathi kwakungekho lula nanjangoko babengenazo izixhobo zokubhala, bemana ukubhala kwiipisi zamaphepha nezaziphinde zilahleke, kodwa bangaikezeli de bayayigqiba.

Ekugqibeleni incwadi yabo ide yapapashwa bencediswa lisebe lezemidlalo nenkcubeko, nepapashwe ngomhla we04 kuMatshi 2025. Ngolwazi oluthe vetshe ngokufumaneka kwale ncwadi unganxibelana nabo kuFacebook: Zukile Zindlovu okanye Unam Khuzani.

Share This Article