Alidudumi liyaqqekreza eMthatha

2 Min Read
Uvele eNkundleni eMthatha usodolophu weKSD uCeba Nyaniso Nelani noogxa bakhe.

Uphando looKhetshe lidume legqitha nentloko okanye usibonda womasipala iKing Sabatha Dalindyebo (KSD) eMthatha, omfezeko igqibeleleyo uCeba Goodman Nyaniso Nelani (63). Usoldolophu uNelani uthunyelelwe umsila wengwe ukuba avele kwiinkundla zamatyala ezilwa nolwaphulomthetho ekunye namanye amagosa karhulemente amane kuquka nobesakuba yintloko yezezimali kulo masipala malunga nohambo lwabo lwangomhla wamashumi amabini nesihlanu (25) kuJanuary 2024.  

UCeba uNelani uvele enkundleni ekunye nosekela nobhala kasekela kuMphathiswa wezomhlaba kuzwelonke, uCwenga Songelwa (41), unobhala wakhe yena buqu usodolophu uSibongile Moyi (49), uManejala oyintloko kulo masipala uMnu Ngamela Pakade (55), kunye Nofudumele Eric Jiholo (63), nobesakuba ligosa eliphezulu kwezezimali kulo masipala.      

Abatyholwa ke bathe ‘tshee’ kwiinkundla zamatyala phaya eMthatha ngoLwesibini umhla wamashumi amabini (30) kuJune 2026, bejamelene namatyala obuqhophololo nekuvakala ukuba babhubhudla imali yalo masipala kwihambo engenamkhondo.

Nangaphezu kokuhlala kuliliselwa ngokungabikho mali eKSD, kodwa bona uphando lubhentsise ukuba bakwazile ukundyakraza imali engange R57, 000.00, kwihambo ekuthiwa ngeyobuxoki ababesithi usodolophu umenywe kuyo phaya kwiphondo laKwaZulu-Natal, besithi liphulo lokubuyela esikolweni kwabantwana (Back to School campaign).

Ithi into baqulunqa incwadi yesimemo, besenza ngathi usodolophu uyamenywe KwaZulu-Natal, ayokuzimasa inkqubo yokubuyela kwabantwana esikolweni. Ukuba ke yintoni le yayibaluleke kangaka ukuze amenywe kwela phondo nje kwinkqubo yokubuyela kwabantwana esikolweni beshiya izikolo eKSD, akukho mntu waziyo.

Nalo ke uphando looKhetshe ludulise ukuba le hambo ibingekho mthethweni bekulilinge nje lokubhubhudla imali kamasipala ngokungemthetho. Uphando luphinde lwaveza ukuba le ncwadi ibiyeyobuvuvu nayo, yaye akukho nkqubo esemthethweni karhulumente ka Go-Back to school yaziwayo nabathi babeye kuyo.

Kuvele ukuba le nkqubo bathetha ngayo kwakuyi rally ye-manifesto yombutho wezopolitiko, hayi inkqubo karhulumente esemthethweni. Luqhuba ludize ukuba nelo tsalomnxeba lwathi lwenziwa luthetha ngesi sisimemo kwabubuxoki kunye notyikityo losekela Mphathiswa kwincwadi leyo yesimemo kwakungelolulo olukasekela Mphathiswa buqu.

Kananjalo kuthiwa kwakululwimi etywaleni ukuba lo sodolophu uke wamenywa kulo msitho ungekhoyo babethetha ngawo. Zaba ke ziyatsha iziceku lavulwa ityala bezokhutshelwa umsila wengwe nje. Sithetha nje bangaphandle ngebheyile yasimahla nekulindeleke baphinde bavele kwakhona kule nkundla ngomhla weshumi kuJuly 2026.  

Share This Article