Unina womntwana owalahleka kwathuleka kwinyanga ezimbalwa ezigqithileyo eKokstad nogama lakhe linguLathitha Mtolo, uthi makangabhangxwa ngumthetho kuba engathathi ntweni.
Intetha kaNandipha Mtolo ilandela isitatimente esithe saphuma kutsha nje sisuka kumapolisa akwaZulu-Natal, sisithi ukhakhayi lomntu olwathi lwafunyanwa likhukhuzwa zizinja uhlolo ludiza ukuba lelo lomntwana wakhe.
Uqinisekisile ukuba ngenene ngomhla we 25-06-2026, bafikile abacuphi abane bephelekwa ngoonontlalontle ababini bamxelela nje ngomlomo ukuba ukhakhayi olufunyenwe lutyiwa zizinja lelo lomntwana wakhe. Xa ebuza ukuba iphi into ebhalwe phantsi ecacisa oko bamxelela ukuba bebefelwe sisishicileli (printer) lilonke ke abakwazanga ukukhupha into ebhalwe phantsi.
“Hayi, ndise ndema nematha kwavuka nditsho intlungu endikuyo kuba ndiyabhangxwa kaloku apha wawuyiva phi into yokuba uvele uxelelwe ngomlomo ompakumpaku into enobuthathaka kangaka. Kudala ndisitsho ukuba kukhona ipolisa nalo elisemva kwale nto ndibona izenzo ezi,” uthethe watsho.
UNandipha uqhube wathi nasemveni kokuba besukile ekhaya abacuphi, utata womntwana nomakazi wakhe baziyela ngokwabo emapoliseni, kodwa abakhange bayifumane into ebhalwe phantsi endaweni koko base baxelelelwa ukuba likwi laptop olo lwazi leziphumo zalo mntwana, nalapho babuya bephaca. Uhambise wathi ukuba ebengumntu onemali ebezakuzifunela uphando lwabucala kuba kuyayacaca ukuba akukho nto iyakutsitsa kula mapolisa aphethe lo mba.
