Ngamadoda amabini azalwa kwalapho kwilali yaseLungqongqweni eLusikisiki, athe abanjwa ngoLwesibini wale veki umhla wesixhenxe kuApril walo nyaka exhomisa abantwana besikolo ngevololo. Kuvakala ukuba la madoda abanjwe ephethe ummpu oluhlobo lwe9mm Pistol, exhomisa abantwana beHigh school abaqeshe kwakuyo le lali.
Ngokwengxeo yamapolisa ngomlomo wesithethi sawo uCaptain Welile Matyolo esi sibini sithe sacinaniselwa ekoneni ngabahlali emva kolu xhomiso, ze kwabizwa amapolisa abathi xhakamfu.
Ngelixa ebanjwa athe afumaneka nalo mmpu unganamaphepha mvume unenombolo mbhalo ezikhuhliweyo, nembumbulu enye kwakunye noonomyayi ababini abathi baxhonyiswa kubantwana besikolo bekhonjwe ngesibham ngoLwesihlanu umhla wesithathu kuApril 2026 phaya kwizithuba zentsimbi yesibhozo ngokuhlwa.
Kanti ke esi sisibini sichazwe njengeso saxhomisa ngoLwesihlanu sathatha oonomyayi kunye nesixa mali esingadizwanga. Kulindeleke bavele kwiinkundla zamatyala phaya eLusikisiki kungentsuku zatywala, nalapho bazakujamelana namatyala aquka ukuba nommpu ongenamaphephamvume nembumbululu kwakunye nokufumanaka nempahla eyebiweyo.
Kusenjalo umKomishoni wamapolisa kwisithili iOR Tambo uNjengele Norman Modishana ubaqhwabele izandla abahlali baseLungqongqweni ngokuzijula ejacu ekubambeni la madoda ebenobungozi emise mantsantsa abantwana besikolo. Uthe ukuzinikela kwabo kutsho lukhulu kwaye unqwenela ukuba bangangumzekelo ophilayo nakwezinye iindawo ngesenzo sabo.
