Iliwa libheke umoya kwinkosi eyadubula abantu, kumbango wehlathi

2 Min Read
Nantsi inkosi yaseGidini eNgqeleni ejamelene namatyala anobuzaza.

Umkhombe ubhembesile kwinkosi yaseNgqeleni ejamelene namatyala okubulala amadoda amabini, ngenxa yokuqokelela inkuni ehlathini ebelingundaba-mlonyeni kwilali ezimbini. Oku kulandela ukuba uTotosi Ndamase (75), ethe wayalelwa ibheyile kwakhona yinkundla kamatyi phaya eNgqeeni. Umtyholwa lo uphinde ajamelane nelinye ityala lokuzama ukubulala, nokuba nommpu ongenamaphephamvume nokulimaza.

Kuvakala ukuba ngomhla wamashumi amabini nesine (24) kuMay 2026, umtyholwa noyinkosi yaseGodini, wadibana ze wabuza amadoda amathathu ayeqokelela iinkuni kwihlathi laseBantini ngobukho kwawo kwelo hlathi. Kweli hlathi ke bekusekho ukungaboni ngasonye phakathi kwenkosi yasebumelwaneni eMazizini kunye neyo yaseGodini.

Kuthe kusenjalo suka unkosi lo wabasa ngelophisi kulo madoda ebulala enye ngoko nangoko ngelinxa eyesibini ithe yasweleka kamva esibhedlele. Kanti eli phephandaba lirhabule ukuba enye isachacha esibhedlele.

Ngelixa evele enkundleni umtyholwa udomboze ngelithi ibheyile makayifumane kuba yena wayezama ukuzikhusela kuba amaxhoba ayezama ukumhlasela. Ephikisa isicelo sebheyile igqwtha eliphezulu lombuso uAdvocate Thamsanqa Kwetane, nobekhokhela ubungqina uthe umtyholwa unobungozi eluntwini ukuba angakhululwa ngebheyile, yaye angaphinde asebenzise ubunganga bakhe ukujika amangqina kunye nophando.

Kwelinye icala kukwavele ukuba akhona amanye amatyala ake abikwa amabini nabhekiselele nokuhlukumeza kommngalelwa abantu kwalapho kwelo hlathi lingundabamlonyeni.

Kanti ke eli tyala liphinde lamiswa kwakhona nekulindeleke ukuba aphinde uNdamase avele ngomhla wamashumi amathathu (30) July 2026, kwakuyo la nkundla yaseNgqeleni. Ngokwesithethi segunya bantu lezotshutshiso kwingingqi uMnu Luxolo Tyali sele beliqulela baligangatha ukuqinisekisa ukuba beza nobungqina obungqingqwa obuzakubophelela umngalelwa izandla neenyawo ngelixa kuqalisa ukuthethwa kwalo.

Share This Article