Simbongile Mdledle
Amapolisa ephondo leMpuma Koloni sele ekuqinisekisile ukubanjwa kwendoda eneminyaka engamashumi amane nesihlanu (45) kwindawo yasePackside phaya kwidolophu yakuGompo, isoyanyanisa netyala lokuxhwila, ukudlwengulwe ze kubulawe intwana eneminyaka nje esixhenxe izelwe.
Umzimba wale ntwazana ufunyenwe uthe tywaa kwindawo yokulahla inkunkuma iSecond Creek sele ubanda.
Amapolisa ngokosomlomo wawo ephondweni u-Brigadier Nobuntu Gantana lo mzimba ufumaneke kubonakala ukuba udlwengulwe ze emveni koko wankrwitshwa de waba uyasweleka.
Lo mntwana wagqityelwa ukubonwa edlala nabanye abantwana nabahlobo bakhe. Kuvakala ukuba indoda engaziwayo yambuza ngotata wakhe umfi ngelixa bedlala kufutshane nevenkile. Ingxelo iqhuba ethi abanye abantwana bamshiya esathetha naye, yaye akukho nto yathi mababike kumakhulu wakhe. Kuthe kwakucaca ukuba umntwana akabuyi lavulwa ityala lokulahleka komntu.
Lwaqala uphando kuquka nenkcaza eyathi yafunyanwa kubantwana ebebedlala naye nekungabo abamgqibela eme nale ndoda. Iqela ebelibekhethelwe bucala ukufuna lo mzimba ngenene lawufumana ze emveni koko kwabanjwa le ndoda nekulindeleke ukuba ivele kwinkundla kamantyi yaseEast London kungentsuku zatywala.
