Kubulalene amaxhego phaya kwindawo yaseMthozela kuQumbu ngenxa yothando. Ingxelo idize ukuba yinkonde eneminyaka engamashumi asixhenxe nesibhozo (78), ethe yabethwa ze yaphinda yahlatywa de yasweleka ngenye ibinomona nomntu wayo eneminyaka engamashumi amahlanu anothoba (59), kubangwa inkondekazi eneminyaka engamashumi amathandathu nantlanu (65).
Ubanjiwe lo uthe wabulala yaye kulindeleke ukuba avele kwinkundla zamatyala ejamelene netyala lokubetha nokubulala.
Kuvakala ukuba emva kokufumana umntu wakhe ehleli nomfi besela utywala ngoLwesihlanu umhla wesithathu kuApril 2025, phaya kwizithuba zentsimbi yesibhozo ngokuhlwa,ube sisifu ngumsindo. Wahlasela umfi de wambulala ngelixa isinqanda-mathe besibukele sisothula isijwili sicela ukuba kuncedwe obesakuba sisithandwa sakhe ebesihlaselwa sisithandwa sakhe.
Ingxelo ithi umfi lo ebengumntu wentokazi ngaphambili, lo utyholwa ngokubuala kunguye ebekhona ngoku ebomini bentokazi, ze umtyholwa wothuswa kukubafumana ngomnyama bebobabini savuka isikhwele wahlasela ekukhokeleleni ekufeni.
Umtyholwa kulindeleke avele kwinkundla zamatyala ke ngoku kwaphaya kuQumbu kungentsuku zatywala.
