Kuvela bha ukuba ngenene olibanjwa uMzukisi Ndamase nothathwa nje ngongqondongqo kwindyikitya yokufa yangomhla we28 kuSeptember 2024, eNgobozana eLusikisiki wayesemva okanye waqulunqa ukubulawa koceba weANC kwaBhaca uMncedisi Sncane Gijana kunye nalombubhiso yaseNgobozana eyashiya abantu abalishumi nesibhozo beswelekile.
Enika imiyalelo nje yena uNdamase ebekwitolongo iWellington eMthatha, nekwathi emva kophando olunzulu ebelimnxulumanisa nezi zihelegu wathuthwa waya kubekwa eKokstad eBhongweni C-Max, nekulapho ahamba ityala esuka khona elijolise eLusikisiki ngaphantsi kokhuseleko oluluqilima ukusuka eKokstadi.
Kwizitatiemente ezithiwe thaca phambi kwenkundla ephakimileyo ehleli eLusikisiki kuyavela ukuba nguNdamase owayalela izithunywa zakhe ukuba zibulale kwezi ziganeko zozibini. KuSncane kudule ukuba uthe makabulawe kuba emdlela umzila wokuthengisa iziyobisi phaya kwaBhaca, aphinde uSncane abe ngumqobo ekubeni yena afumane ingqawule.
Isitatimende siqhubeke sadiza ukuba ngelixa ababethunyiwe ukuya kubulala befika ekhayeni likaSncane, bafika engekho ze bavalela ababekhona ukuba bangagushuzi bangakwazi nokuhlaba umkhosi balinda uSncane ukuba ade afike. Ngenene wafika bamthatha bamsa kwelinye igumbi batsalela uMzukisi esejele ukuba sefikile yaye banaye. Wacela ukuthetha naye lo kaNdamase kuthiwa kwala nokuba secela uxolo edomboza uGijana ethembisa ngokukhupha uR40 000 ebenawo ebhanki senika nepin ukuba iye kukhutshwa.
Kwakulo elo lixa uMzukisi wathetha bucala nomnye wabathunywa bakhe olithemba emxelela ukuba no ways mabamdubule, nyani ke benza njengoko myalelo wakhe. Emveni koko baya kukhupha isixha mali esingange R10 000, baba sebelibhekisa eMthatha apho bafika balala khona eBnB.
ENgobozana kuthiwa uMzukisi wathumela kwamajoni akhe kuquka nawo awayethume kuSncane kuba efuna ukuziphindezela emva kokudutyulwa kubulawe umzala wakhe. Nalapho wawaxelela ukuba kudutyulwa ‘kwasani’ eshukumayo (everyone) okanye ephambi komyawo. Ngenene ke amajoni akhe enza njengokomyalelo kuba kwadutyulwa kwamntu owayelapho kubantu ababelindele ukuvuka baye kulwambulo ngosuku olulandelayo kwashiyeka nje usana elafumaneka lidada kwigazi likanina. Ityala lisaqhuba.
