Litshelwe ziziceku ibhantinti ebeliqhawule ejele

1 Min Read
Ubanjwe eLusikisiki oweqe kwijele yaseFlagstaff.

Uphinde wabanjwa kwakhona uBongile Mgwili (36), nobeqhawule kwabanda kwiziko lezoluleko eFlagstaff ngeCawa esiyisingelayo umhla we12 kuApril 2026. Ubanjwe kwangosuku ebeqe ngalo phaya kwizithuba zecala emva kwentsimbi yesibhozo ngentsasa sele ebalekele kwidolophu yaseLusikisiki.

Uthe wavela phambi kwemantyi ngoMvulo wale veki, umhla we13 kuEpreli 2026, ejamelene nezityholo zokweqa ejele waphinda waphindiselwa kwezimnyama zona izisele nekulindleeke ukuba aphinde avele kwakhona ngomhla wesihlanu (5) kuMeyi 2026.

Ngokwengxelo yamapolisa ngokosomlomo wawo kwisithili iOR Tambo uCaptain Welile Matyolo, iqela lamapolisa elizinze eLusikisiki lithe lakhonjiswa kuntanywa uBonile lo njengoweqe ejele nobetsala iminyaka elishumi nambini )12), ngetyala lokubulala.

Le ndedeba icazwe njenge nzalelwane yelali yaseWayside kwalapho eLusikisiki. Athe akubeka indlebe amapolisa kulo mba, onda mzini uthile phaya eNew Rest nekulipho kuthiwa ebezimele khona. Ngenene uthe wafumaneka kwiflat ibintshixiwe, nekulapho abakwantsasana kunyanzeleke ukuba bakhabe ucango kuba bekungavulwa, ngenene amfumana apho ngaphakathi kwaba iyaphela inkululeko yakhe ngaphandle ekhange angqibe nayure zingaphi ebaleke ijele.  

Share This Article