Ayangcwatywa amaxhoba esaqwithi saseNgwetsheni

2 Min Read

Ukusukela ngoLwesihlanu umhla we17 kwakunye noMgqibelo umhla we18 kuApril azakuba engcwatywa amaxhoba amabini aphulukana nobom bawo kumoya omkhulu owahlasela kwilali yaseNgwetsheni kwaBhaca kutsha nje. Lo moya washiya abantu abaninzi bebambelele eshamacweni ngenxa yokuphephuka kwemizi yabo, ngelixa esi sibini esasihleli kwisithuthi sathi saphetshethwa ngulo moya kwakunye nesithuthi eso babehleli kuso saya kuntlitheka nabo kude babe bayasweleka ngoko nangoko.

Esi sibini nguLihle Meyato (29) kunye noQhamani Langa (35), bobabini bazakuthi bangcwatyelwa apho kwilali yaseNgwetsheni kwaBhaca ngeentsuku ezahlukeneyo kule mpela veki.

Kwelinye icala umasipala wasekuhlaleni Umzimvubu nawo sele uphose ilitye esivivaneni kumalungiselo ale mingcwabo yomibini. Ngelixa iqela leendaba leli phephandaba lindwendwele le ndawo bekumatasatasa kuzanywa ukuncedwa abo balahlekelwe zizinto ezohlukeneyo eziquka nezindlu. Yaye abantu bale ndawo bebesakhexe imilomo besithi abazanga bawubona onjeya wona umoya ezimbalini. Imibutho engafumani nzuzo kurhulumente kunye namasebe karhulumente ekhokhelwa ngulo masipala waseMzimvubu ekunye nomasipala omkhulu i-Alfred Nzo bebethe bhazalala kula ndawo kuzanywa ukulungiselelwa amaxhoba. La masebe aquka isebe lokuhlaliswa koluntu, elezekhaya, elezempilo, irhante ejongene nesibonelelo sikarhulumente (SASSA) kunye neGift of the Givers bebesehla besonyuka kwakuyo la ndawo kuzanywa ukuncedwa amaxhoba ngezinto yinto ezifana neengubo neziponji nezinye.

Ukanti kuphinde kwaqhutywa nomthandazo ubuququzelwa ziinkokheli zomthanyama kwakunye neecawa ezohlukeneyo zasekuhaleni kuzanywa ukuthuthuzelwa amaxhoba ale mbubhiso. Inkampani enkinkisha umbani uEskom nayo ibiphantsi phezulu kuzanywa ukubuyiselwa umbani kula mmandla.

Share This Article