Usizi belubhalwe ebusweni kwizalamani, abahlobo kwakunye noogxa bepolisa uLieutenant Colonel Thamsanqa Livingstone Mzimvubu (59), nothe wabekwa kumadlaka ooyise mkhulu kwilali yaseMoyeni eLibode kutsha nje.
UMzimvubu wathi wagawulwa ngelophisi lahlanza iselwa ngoko nangoko kwindawo yaseNew Brighton eMthatha ngomhla ka 22 kuApril 2025, ngelixa besahleli kwisithuthi sabo nogxa wakhe wasetyhini obepolisa naye besebenza njengabacuphi kwisikhululo samapolisa eMadeira, nesikumbindi wala dolophu. Lo wasetyhini usinde ngezikasibi nanjengoko naye edutyulwe sithetha nje ulele ngandletyananye esibhedlele.
Olusizi belubhalwe kakhulu kumkakhe nosenegama elitsha ngoku lokuba ngumhlolokazi, uMasilangwe, abantwna bakhe abane uZee, Zoe, Smallz, Onushka kwakunye nabazukulwana babo ababini. Olu nxunguphalo belubonakala nakumalungu oluntu ebemthanda yaye emhlonipha uMzimvubu.
Uchazwe njengomntu ebezinikele emsebenzini wakhe kusukela wajoyina inkonzo yesipolisa ngo1987, njenge Lance Sergeant, ze wakhula ngokwamanqanaba asesipoliseni. Esweleka nje ebesandula konyuselwa njengeNkumanda yabacuphi kwaphaya eMadeira, kanti ngo2023 ebefumana iwonga lobu Lieutenant Colonel.
UmKomishinala wephodo leMpuma Koloni uLieutenant General Vuyisile Ncata, ugqithise amazwi ovelwano kwezo ntsapho bezinyembezana waziqinisekisa ukuba abasoze baphumle beyinkonzo yesipolisa, de la madoda amabini atyholwa ngoku abe ayabanjwa ajamelane nengalo yomthetho. Eli tyala sele liphethwe licandelo looKhetshe uphando luyaqhuba, kodwa akukabanjwa mntu.
