Izinto azimntak’Ngqika ngenxa yoonqevu abaqhawula iintambo zombane

2 Min Read
Zezinye zezibonda zombane eziqhawulwe iintambo eSgidini.

Umkhombe ubhembesile kubahlala belali yaseSgidini Esikhulu kwidolophu yasemaXesibeni, kulandela ukuqhambuka komkhwa wokungena emizini kuleliwe zizigilamkhuba ziqhawule iintambo zombani kuthathwe neebhokisi bambi beziqhawula ezibondeni zazo.

Ukanti le miguvela iphinde ingene kule mizi ingenabantu ikhuphe iibhokisi zombane, zibe sezithengiswa ezinye kwalapho ekuhlaleni. Kuvakala ukuba lo mkhuba uqale ngenyanga kaDisemba nyakenye, yaye awuzange uphinde mva kusukela oko. Ushiye abantu abaninzi behlala kwisithokothoko sobumnyama. Ukuza kuthi ga ngoku kuvakala ukuba ingaphaya kweshumi imizi esele ithe yachaphazeleka

Abahlali nabagqiba ekubeni bahlanganisane emva kokuqhambuka kwale nqontsonqa, bathi akukho mizamo bangayenzanga ukuzama ukunqanda oku, kodwa babuya noboya bentenetya. Bathi baqale komkhulu kwaneentlanganiso ezithe zabanjwa eziliqela, kodwa zaphuma nelize nangona nje bebekhona abantu abaziwayo ebebevela ikwababalapho ekuhlaleni. Bathi into eyase yenzeka kwafunwa ubungqina abangaziyo ukuba kufunwa obunjani kuba abantu baye baziwa yaye abanye bafunyenwe nezintambo bezithengisa, ngelixa kukhona ababengakafakelwa umbani abanye becinyelwe nguEskom, kodwa ngoku bayalayita.

Baphinde banikela emapoliseni beyilali emva kwencwadi ethe yenziwa komkhulu ibagunyazisa ukuvula ityala kodwa nalapho kwantlanga zimka nomoya kuba de kube ngoku akukabanjwa umntu yaye akuzange kwabakho landelelo, koko umkhwa lo uyabhebhetheka.

Othethela abahlali nongusihlalo kwiqumrhu lonxibelelwano elithe layilwa emva kwale ntsindabadala, uVotiswa Dodo oku kuyintlungu kuba bakhala nje akukho mntu ude ubathuthuzele, koko izigilamkhuba ziyatanasa ziqhubeka nokwenza okungalunganga, yaye ezi ntambo ezinye zazo zizithengisela abanye abantu kwalapho ekuhlaleni. Ubhenele kurhuluemente ukuba angenelele kuba oku kubaphilisa manyonywana ingakumbi abasetyhini, xa kunokwazi ukuba kungene abantu endlini nilele niboomama. Imizamo yokufumana iKomkhulu nenkonzo yesipolisa iwe phantsi de kwafika ixesha loshicilelo.

Share This Article