Kanti batshona phi abantwana? Bayadomboza ooKhetshe

2 Min Read
La mawele aphakathi kwabantwana abane abafinca unyaka ngoku belahlekile.

OoKhetshe eMpuma Koloni bahlaba ikhwelo kuluntu iinkosi nakwimibutho ukuba kuziwe ngaphambili nolwazi nokuba nje lisuntswana, kodwa liyakuncedisa kuphando. Le mbondandimunce yokulahleka kwabantwna abane, sele ifince into engaphaya konyaka nesinqingatha kufunwa kodwa kubuywe noboya bentenetya. Ookhetshe sebhenele nakuye nabani ongathi abenomkhondo ngaba bantwana ukuba eze ngaphambili ukuncedisana nabo kuphando kuba kudala bephica kodwa bebuya nelize.

Abantwana aba bagqityekwa ukubonwa ngomhla weshumi (10) kuNovemba ka2024, kwindawo yaseMjila ngaphantsi  kwedolophu yakuNtabankulu. Babedlala ebaleni lekhaya labo, emveni koko banyamalala eCalvary, bashiyeka ezintliziyweni, de kube ngoku abaveli nangotshengele.

Emveni kokulahleka kwabo kwavulwa ityala lokuxhwila kodwa kwantlanga zibuya nomoya ukufumana ezi mveku. Kusukela ngoko oko abaphandi bephica bezama ukubafumana kwakunye nabo babathathayo kodwa bakha phantsi isitya sizele. Nemikhondo abathi bayilandela ayizange ize naziphumo kuba naba abantwana abakaveli nabatyholwa ngokubathatha ‘dololo’.

Yingako iqela looKhetshe libhenele kwiinkosi, kwinkokheli zasekuhlaleni, ezakwalizwi, imibutho yasekuhlaleni, amaziko ezemfundo, oondondaba kwakunye namakhasi ezonxibelelwano ukuba kutsalwe ngagxathu linye ukuze kufumaneke abantwana kwilizwe jikelele. Esi mbonono bathi okhetshe babhekise kuye nabani na onganolwazi ukuba batshona phi eze ngaphambili kuba iintsapho zabo zilimele intliziyo zingamahlwili.

Isithethi soKhetshe kweli phondo uWarrant Officer Ndiphiwe Mhlakuvana, uthi ongathi abenolwazi ngesi siganeko atsalele iNkumanda kulwaphulomthetho uColonel Raymond Buys ku082 301 1135 okanye uWarrant Officer Norton Ndabambi ku082 559 4513, kwakunye nokonikzela ngolwazi kwisikhululo samapolisa esikufutshane. Uthi igama lomntu oze ngaphambili iyakuba yindaba yakwamkhozi. “Siyalucela ke uluntu nokuba lisutswana nje lo lwazi maluze nalo ngaphambili lingancedisa kuphando,” kutsho uWarrant Officer Mhlakuvana. Naba abantwna bafunwayo amagama neefani zabo: Sive Siganga (7), Oyintando Siganga (4), Thabisile Sihamga (4) kunye noThabile Siganga (4).    

Share This Article